JONGA, MAMELA u PHILE INCWADI 7

JONGA, MAMELA u PHILE INCWADI 7

रुपरेषा: From Luke and John. 24 sections. It has a picture book to go along with the recording.

स्क्रिप्ट क्रमांक: 424

इंग्रजी: Xhosa

थीम: Sin and Satan (Judgement, Sin, disobedience); Christ (Resurrection of Jesus, Son of God, Saviour of Sinful Men, Birth of Christ, Death of Christ, Life of Christ, Authority); Eternal life (Salvation, Eternal / everlasting life); Character of God (Grace and Mercy, Nature, character of God, Word of God (the Bible), Power of God / Jesus); Living as a Christian (Worship, Second Birth, Peace with God, Forgiveness, Faith, trust, believe in Jesus, Spiritual Life, Christian values); Life event (Death); Bible timeline (Gospel, Good News); Problems (Sickness, Problems, troubles, worries)

प्रेक्षक: General

शैली: Monolog

शैली: Bible Stories & Teac

उद्देश: Teaching

स्थिती: Publishable

स्क्रिप्ट मजकूर

Introduction

Introduction

Zihlobo, Ingaba lowo ubizwa ngokuba nguYesu ngunyana kaThixo ngenene. (Lowo wathunyelwa evela kuThixo) Angasinika na ubomi obungunaphakade?

Ukuzalwa kukaYesu, imimangaliso awayenzayo, ubomi bakhe, ukuvuka kwakhe ekufeni kunye namazwi akhe, konke oku kusibonisa ukuba ungu Nyana kaThixo.

Ngelixesha uphulaphule le khaseti, Jonga imifanekiso ekulencwadi i pink.

Xa usiva Khangela Kumfanekiso olandelayo.

Umbomiso 1: Ukuzalwa Kukayesu

Umbomiso 1: Ukuzalwa Kukayesu

Johane 1:1-14; Luke 2:1-11

Khangela umfanekiso. Usibonisa isitali, leyo yindawo ekuhlaliswa izilwanyana.

Kwakhona sibona usana olusanda kuzalwa kunye nomfazi; ongunina wosana, indoda yakhe, kunye namanye amadoda amathathu awaye engabelusi, Bonke babe Jonge usana olo. Igama lalo olusana ngu Yesu.

Enye indoda iguge ngakumutwana onguYesu. Kutheni isenjenjalo nje?

Isizathu sesi, uYesu wayengoyena mntwana ubalulekileyo Kwabakhe bazalwa elizweni.

Phambi kokuba uYesu azalwe emhlabeni, waye kunye noThixo (kwindawo ebizwa ngokuba (lizulu.) yaye zonke izinto zadalwa nguye.

U Thixo unguMoya, kodwa wazibonakalisa ngo Yesu, owazalwa ngunina engekazani nandoda. Lento yenzeka yaphumelela ngo Moya ka Thixo.

Kwalo Moya mnye wawuhleli kuYesu Kristu. Konke oku kutsho ukuba uYesu lo ungu Thixo.

UYesu weza ukuze asikhulule esonweni nokusibonisa ukuba singaba ngabantwana baka Thixo Njanina.

Umboniso 2: Uyesu Ujika Amanzi Abe Yiwayini

Umboniso 2: Uyesu Ujika Amanzi Abe Yiwayini

Johane 2:1-11

Akuba uYesu ekhulile, wathi esemtshatweni ngenyeimini abafundi bakhe be Naye, kunye nomama wakhe ogama linguMariya, babe hamba naye UMariya wayesazi ukuba uYesu lo unguNyana kaThixo, ngoko ke yathi yakuphela iwayini, Waxelela uYesu. Wathi kwizicaka, Oko athi kwenzeni ize nikwenze.

Kwakukho ingqayi ezinkulu ezintandathu ezazilapho.

UYesu wathi kwisicaka, Zalisa ingqayi ngamanzi. Bakwenza oko.

Wabuya wathi, Yikhani ngoku nise Kwinjoli Amanzi ajika aba yeyona wayini inencasa. Abafundi baka Yesu baqala ukubona ukuba uYesu unamandla amakhulu avela kuThixo, bakholwa kuye.

Umboniso 3: Uyesu Nthetha Nonikodimo

Umboniso 3: Uyesu Nthetha Nonikodimo

Johane 3:1-36

Unikodimo wayengumphathi obalulekileyo engumfundisi kwasirayeli, weva ukuba uYesu wenza imimangaliso.

Waqonda ukuba uYesu umele uba uvela KuThixo. Ngobunye ubusuku waya kuYesu, ukuba athethe naye ngoThixo nangemimangaliso eyenziwa nguYesu.

UYesu wathi kuye Ndikuxelela inyaniso, akukho mntu unokububona ubukumkani bukaThixo, engazalwanga ngokutsha.

UNikodimo wabazu esithi, Angazalwa njani na umntu emdala?

Waphendula uYesu wathi, Xa umntwana ezalwa ngunina uzalelwa kubomi basenyameni. Ngako ke umntu kufuneka azalwe ngo Moya kaThixo abe nobomi base Moyeni.

Oku kutsho ukuthi, wonke umntu okholwayo nothobela iNkosi uYesu Kristu, uzelwe ngokutsha.

Lamakholwa ahlala ngonaphakade, kuba uMoya kaThixo uhleli kubo, kodwa bonke abangakholwayo kuYesu, baba kude ku Thixo naphakade yaye abanakungena ezulwini.

Umboniso 4: Umphathi Waguqa Ku Yesu

Umboniso 4: Umphathi Waguqa Ku Yesu

Johane 4:46-54

Wawunokuthini xa unyana wakho egula kakhulu? Lendoda ikulomfanekiso yahamba indlela ende ifuna ukudibana no Yesu.

Yayingumphathi obalulekileyo, kodwa wacenga u Yesu wathi, "Nkosi yiza uncede unyana wam engekafi."

U Yesu waphendula wathi, "Ungahamba ugoduke unyana wakho uzakuphila."

Lendoda yakholwa ku Yesu, yabuyela ekhaya. Kwathi isesendleleni, yahlangana nezicaka zayo Zamxelela ukuba unyana wakhe uphilile. Uyise waqonda ukuba ngelaxesha u Yesu ebesithi, kuye, Unyana wakho uzakuphila, icesina iye yemka (umntwana) kumtwana lowo ngoko nangoka. Ngenxa yoko londoda nabo bonke abendlu yayo bakholwa ku Yesu.

Umboniso 5: Indoda Egulayo Ngasequleni

Umboniso 5: Indoda Egulayo Ngasequleni

Johane 5:1-47

Kwisixeko sase Yerusalem Kwakukho ichibi Abantu babekholelwa ukuba ngexesha elithile, xa athe wangena kuqala umntu, emva kokuba amanzi ethe azanya zanyiswa, umnutu othe wangena kuqala uyakuphiliswa.

Indoda ethile yayingumlwelwe iminyaka engamashumi amathathu anesibhozo. U Yesu wayibona ingasechibini apho, wathi kuyo "Uyafuna na ukuphila?"

Indoda leyo yaphendula yathi, Andinamntu wokundinceda ukungena echibini xa amanzi athe agxojwa gxojwa.

U Yesu wathi "Phakama ! uthabathe ukhuko lakho uhambe. Ngeloxesha linye londoda yaphila.

Abanye abantu bacaphuka kuba u Yesu ephilise umntu ngosuku olubalulekileyo nolungcwele, ekuthiwa yi Sabatha.

Olu yayilusuku aphumla ngalo ama Yuda kumsebenzi wabo wemihla ngemihla, banqule uThixo. Indoda leyo yahamba, yawaxelela ama Yuda ukuba ngu Yesu oyenze yaphila, kodwa babe ngafuni ukukholwa ku Yesu.

Lomsebenzi wokuphilisa ubonakalisa ukuba u Yesu unelungelo, namandla ka Thixo okuba aphilise nangaluphina usuku, nokuba ngumhla we Sabatha.

Umboniso 6: U Yesu Ithisa Abantu Abangamawaka Amahlanu

Umboniso 6: U Yesu Ithisa Abantu Abangamawaka Amahlanu

Johane 6:1-15, 25-28, 35; Mateyu 14:19; Marko 6:41

Abantu abaninzi beva ukuba u Yesu unako ukuyiphilisa imilwelwe, Kwathi ngenye imini walandelwa sisihlwele exikhulu baya kwindawo eyintlango Kwathi xa sekuhlwile, u Yesu wabuza abafundi bakhe, wathi, "Singazithenga phina izonka ukuze aba bantu batye?"

Omnye umfundi waphendula wathi, "Kukho inkwenkwana enezonkwana ezinklanu zerhasi nentlanzana ezimbini, kodwa ke zingema phina kubantu abaninzi kangaka?"

U Yesu wabhlalisa phantsi abantu. Wathabatha ezo lofu zezonka, nentlanzi, wabulela ku Thixo. Emva koko waziqhekeza izonka ezo, nentlanzi zaba ngamaqhekezana, wanika abantu kangangoko babefuna.

Kusuku olulandelayo isihlwele saphinda samlandela Wathi kubo, Inene ndithi kuni, anindifuni kuba nibone imimangaliso, kodwa nindifuna kuba nadla nahlutha kwizinka eziya, wabuya wathi kubo Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo, sebenzelani ukudla okungapheliyo okuya kubomi obungunaphakade oku ayakuninika kona uNyana womntu.

U Yesu wayethetha ngaye, Wathi, u Thixo uyise ukholisiwe nguye. Ngeso sizathu u Yesu wathi, Ndisonka Sobomi lowo uzayo kum akasayi kulamba.

Umboniso 7: U Yesu Uhamba Phezu Kwamanzi

Umboniso 7: U Yesu Uhamba Phezu Kwamanzi

Johane 6:16-21; Mateyu 14:22-32

Kwangoko emva kokuba u Yesu esityisile isihlwele. Wabandulula ukuba bahambe. U Yesu yena wayo entabeni eyedwa, ukuba athandaze ku Thixo.

Abafundi bakhe bangena emkhombeni ukuze bawelele ngaphesheya. Ngelixesha kwakwuse kumnyama, kwavuka uqhwithela olubi kakhulu bephakathi emanzini.

U Yesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi' Bacinga ukuba ungumshologu boyika kakhulu. UYesu wathi kubo, "Ndim, Musani ukoyika" wangena emkbombeni kunye nabo, kwangoko ladamba uqhwithela. Zihlobo, oku kwakhona kwakubonisa abafundi kwakunye nathi ukuba amandla ka Thixo asebenza ku Yesu.

Umboniso 8: U Yesu Uphilisa Imfama

Umboniso 8: U Yesu Uphilisa Imfama

Johane 9:1-41, 8:12

Kwaye kukho indoda eyaye iyimfama kusukela ekuzalweni kwayo. Abafundi baka Yesu babecinga ukuba uyimfama kngenxa yokuba yena okanye abazali bakhe benze isono.

U Yesu wathi, Lomntu uzelwe eyimfama ukuze kubonwe amandla ka Thixo esebenza ebomini bakhe.

U Yesu watshica emhlabeni wenza udaka waluqaba emehlweni emfama leyo.

Wathi u Yesu kuyo, Hamba uyekuhlamba echini le Silowa. (oko kukuthi thunyiwe)

Indoda leyo yamthobela u Yesu. Yahamba yahlamba yabuyela ekhaya ibona. Zihlobo, Abaninzi bethu bazimfama kwicala lokuqonda indlela zika Thixo.

U Yesu uthi, Ndilukhanyiselo lwehlabathi, lowo uthe wandilandela akanakuhamba ebumnyameni. Koko uyakuzuza ukukhanya okungunaphakade.

Umboniso 9: U Yesu Ubiza Ulazaro Ekufeni

Umboniso 9: U Yesu Ubiza Ulazaro Ekufeni

Johane 11:1-46

Indoda egama linguLazaro yayigula. Odade wabo ababini abango Mariya no Marta bathumela ku Yesu besithi, Nkosi lowo umthandayo uyagula.

U Yesu wathi akuwuva umyalezo, lowo wathi, oku ukugula akuzokuphelela ekufeni, Kukho nje ukuze kubonakale uzuko luka Thixo, nokuthi uNyanaka Thixo azukiswe ngako.

U Yesu wayemthanda uLazaro, nodade wabo ababini Kodwa u Yesu akazange akhawuleze aye. Kwathi emva kwentsuku ezimbini wathi kubafundi bakhe, uLazaro ufile, yaye ngenxa yenu ndiyavuya ukuba ndingabanga khona phaya, ukuze nikholwe kum. Masiyeni kuye. Xa uYesu ebuya uLazaro wayenentsuku ezine esengcwabeni. Odade wabo babekhalaza babekha thazekile, kuba uYesu engafikanga amphilise. Kodwa u Yesu wathi, Umnakwenu uzakuvuka kwakhona.

Wathi ebantwini mabavule ilitye lengcwaba, waza wakhwaza esithi, "Lazaro phuma" (v43) Waphuma uLazaro, enezithandelo emzimbeni wakhe.

Phambi kokuba u Yesu amvuse u Lazaro engcwabeni, u Yesu wathi ku Marta, Ndim uvuko, ndinike nobomi. Bonke abakholwayo kum bayakuphila naphakade, nangona befile.

Umboniso 10: U Yesu Uyafa Emnqamlezweni

Umboniso 10: U Yesu Uyafa Emnqamlezweni

Johane 18:1 - 19:42

U Yesu wazibonakalisa ngemimangaliso awayenzayo ukuba unguNyana ka Thixo. Kodwa abaphathi bamaYudu babe nekhqele (ngaye) babefuna ukumbulala. U Yesu wabaxelela abalandeli bakhe ukuba umele afele isono Sabantu bonke.

Yayikukuphela kwendlela anokuthi abuyise amadoda, abafazi nabantwana abazise ku Thixo. UYuda ongomnye wabafundi baka Yesu wamngcatsha kumaYuda, wafumana imali engamashumi amathathu esilivere. Beza bambambha.

U Petros nabanye abalandeli baka Yesu babaleka ngenxa yokoyika, Abaphathi bamaYuda bamthatha u Yesu bamsa ematyaleni, kodwa babengenanto ibonisa ukuba kukho ububi abenzileyo. Kodwa banenkqangaza besithi, Mbethelele emnqamlezweni.

Kwathi ethubeni bamzisa phambi kwabantu. Nabantu bakhala besithi, "Msuseni apha emke, Mbetheleleni emnqamlezweni." Ngako ke abantu bambulala uNyana ka Thixo.

Izihange ezibini zafa kunye naye, Babesoblwaya ngenxa yobubi ababebenzile, kodwa u Yesu owayengazange one, wafa ukuze abe lidihi lezono zakbo, nezam.

U Yesu waba lelona dini elinokwamkeleka ku Thixo ngenxa yezono Zethu.

Umboniso 11: U Mariya No Yesu Engcwabeni

Umboniso 11: U Mariya No Yesu Engcwabeni

Johane 19:38 - 20:18; Mateyu 27:60

Omnye wabalandeli baka Yesu ekuthiwa Yosefu, wacela ukuba anikwe umzimba ka Yesu, wawunikwa, wawuthabatha wawulalisa engcwabeni awayezenzele lona.

Wagengqa ilitye elikhulu wavala umnyango wengcwaba. Ngosuku lwesithathu uMariya wase Magadala waya engcwabeni. Ilitye laliqengqiwe. U Mariya waqala ukulila, wathoba waqwalasela engcwabeni, umzimba wawungekho.

Izithunywa ezibini zazihleli apho ubuhleli khona umzimba ka Yesu. U Mariya wajika wabona indoda imile apho, akazange aqonde ukuba ngu Yesu.

U Yesu wabuza ku Mariya esithi, "Mfazi ulilelani? ufuna banina?" U Mariya wayecinga ukuba ngomnye wabagcini bomyezo, wabuza ukuba baubekephina umzimba ka Yesu. U Yesu wathi, kuye, "Mariya!" Waqonda ukuba ngu Yesu. Wayephilile u Yesu, wathi ku Mariya, Yiya kubazalwana bam ubaxelele ukuba ndiya ku Bawo, kuyihlo. Ku Thixo wam, ku Thixo wakho.

Abazalwana baka Yesu ngabafundi bakhe. Ingcwaba alinako ukumgcina u Nyana Ka Thixo ophilileyo.

Umboniso 12: U Yesu Ubonakala Kubafundi Bakhe

Umboniso 12: U Yesu Ubonakala Kubafundi Bakhe

Johane 21:1-19

Phambi kokuba u Yesu abuyele ezulwini, wenza omnye ummangaliso.

Ngobunye ubusuku abanye babafundi bakhe bahamba bayakuloba intlanzi, kodwa abazange babambise nento.

Kwathi xa kusisa, kwakho indoda abayibona iselunxwemeni. Wathi kubo Mabaphose iminatha ngasekunene emkhombeni (v6) Babambe intlanzi ezininzi, kuba Bamthobela babambisa intlanzi ezininzi Abafundi baqonda ukuba lomntu uthetha nabo ngu Yesu.

Bazizisa intlanzi elunxwemeni. Apho uYesu wayesebalungiselele into edliwayo. Emva koba betyile, wathetha nabo, phakathi kwabo kwakukho u Petros, Owayebalekile nabanye abafundi ngexesha u Yesu wayebanjwa, emva koko wakhanyela u Yesu, esithi akamazi.

U Yesu wathi kuPetros, "Ndilandele" Wathi uPetros makafundise abantu bakaThixo ilizwi likaThixo yaye abagcine.

Zihlobo, uThixo ufuna bonke abantu baziswe ngo Yesu, nangemimangaliso awayenzayo, ukuze babe nokukholwa ukuba unguNyana kaThixo. Mlandele ukuze ufumane ubomi abungunaphakade.

Nguqula i cassette uve ukuba kwenzeka ntoni na xa simamkele u Yesu ukuba abe nguMsindisi wethu.

Introduction

Introduction

Zihlobo, uYesu unguMsindisi (Lo usisindisayo) Usisindisile esonweni nasebubini, yaye usisindisele ubomi obungunaphakade.

Mamela imfundiso ungoYesu kumfanekiso olandelayo (xa usiva ingxolo).

Umboniso 13: U Yesu Ufundisa Abafundi Ababini

Umboniso 13: U Yesu Ufundisa Abafundi Ababini

Luke 24:13-35

AmaYuda amaninzi ayethembe ukuba uYesu uza Kuwasindisa kumbuso kwama Roma awayelawula ngeloxesha kodwa ke asiyonto yayizelwe ngu Yesu emhlabeni leyo.

Emva koko lomaYuda ikwangawo awathi kubaphathi amaRoma makabulale uYesu ngokotu axhonywe. Abaphathi bambulala uYesu ngokumbethelela emnqamlezweni, apho wafela khona.

Ngenye imini, emva kokufa kukaYesu kwanokuvuka kwakhe ekufeni, ababini kuba fundi bakhe babegoduka.

Ngesiquphe u Yesu abonakale phakatu kwabo. Babecingo ukuba ukgumhambi nje bamxelela into eyenzekileyo.

Waza uYesu wabafundisa oko kwathethwa ngu Moses nabaprofeti bakaThixo ngaye UYesu ezibhalweni ezingcwele kwiminyaka eyadlulayo.

Abaprofethi bathi uYesu uzakuva ubunzima afe nokufa.

Babuya bathi uzakuvuka ekufeni, ahlale ngasekunene kukaThixo, apho azakulawula ebukuMkanini bukaThixo ngonaphakade.

Ngokokuhlwa wahlala phantsi ukuba adle nabo bafundi babine, Wathi akuqhekeza isonka wabanika, amehlo abo avuleka, bamazi ukuba nguYesu. Wathi shwaka emehlweni abo. Babuyela eYerusalem ukuya kuxelela abanye abafundi, ukuba bambonile uYesu, yaye uphilile. Make sive ukuba uYesu uthinina xa esifundisa ezibhalweni ezingcwele.

Umboniso 14: Unyana Phakathi Kwehagu

Umboniso 14: Unyana Phakathi Kwehagu

Luke 15:11-19

UYesu wenza ibali lendoda eyayinonyana ababini. Unyana womnci wathi kuyise, Ndinike isabelo semfuyo esilunge nam.

Uyise wamahlulela isabelo sakhe. Unyana omncinci wemka waya kwilizwe elikude, wayichitha imali yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.

Kwabakho indlala kwelolizwe, unyana omncinci wayengenanto iseleyo. Wahamba wayakusebenza kwenye indoda eyathi yona yamthumela emadlelweni ayo ukuba afide ihagu zayo. Lomfana wayelambile kakhulu, wayenqwenela ukutya ukudla kwenhagu. Waqala ukucinga. Wathi abaqeshwa bakaBawo banokudla okuninzi kodwa mna ndiyafa yindlala.

Wathi ngaphakathi kwakhe, Ndiyakusuka ndiye kuBawo, Ndithi kuye, "Baso ndikonile kuwo amazulu (ku Thixo) nasebusweni bakho.

Andisafanelanga ukubizwa ngokuba ndingunyana wakho, Ndenze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho. Wesuka waya kuyise.

Umboniso 15: Unyana Wolahleko Ubuyela Ekhaya

Umboniso 15: Unyana Wolahleko Ubuyela Ekhaya

Luke 15:20-32

Wathi esekude unyana, uyise wambona. Uyise wabaleka weza kunyana wakhe, wamwola ngezandla zakhe, wamanga. Wathi komnye wabaqeshwa bakhem makezise eyone ngubo intle, enzelwe ukudla okulungileyo.

Wabuya wathi, "Masenze isidlo, sigcobe. Kuba lonyana wam ubefile wabuya wavuka, ubelahlekile wabuya wafunyanwa. Kwabakho uvuyo olukhulu.

Zihlobo uJesu usifundisa ukuba uThixo unje ngoyise wonyana obelahlekile. Bonke abantu banjengalo nyana wonileyo, kodwa uThixo usasithanda. Usinqwenelela ukuba sibuyele kuye kwakhona.

Ufuna ukusixolela, Ngenxa yoko ke wathumela uJesu ukuba azekufuna nokusindisa abo bathe bemka kuThixo. Abantu abazakluleyo kuThixo, balahlekile, ke uJesu nguye kuphela oyindlela yabantu abalhlekileyo ukuba babuyele kuThixo, ongoBawo.

Umboniso 16: Ubutyebi Bendoda Esisityebi

Umboniso 16: Ubutyebi Bendoda Esisityebi

Luke 12:13-21

UJesu waxelela indimbane omnye umzekeliso, ngendoda esisityebi eyayinesi vuno esihle. Yayi lungiselela ukwakha indawo ezakusifaka kuyo, isivuno jayo yathi kuyo ngaphakathi umphefumlweni unezinto zonke ozifunayo, iminyaka emininzi.

Uphefumlo mawonwabe yidla usele uvuye ngaphakathi kwakho. Kodwa uThixo wathi, Sidengendini! Ngobu busuku uzakufa, Ziyakuba zezikabani ezi zinto uziqokekeleyo?

Zihlobo uJesu uthi, kukyakuba njalo kulowo uziqwebela ubutyebi, abe engenabutyebi kuThixo. Oka kukuthi, ube nobudlewane noThixo, nokutji uthembele kuye.

Umboniso 17: Umugqibi Nesityebi

Umboniso 17: Umugqibi Nesityebi

Luke 16:19-31

UJesu apha usixelela ngenye indoda eyayisisityebi eyayinezinto zonke ezifunayo. Yayingali khathalelanga ihlwempu elalisoloko lihleli esangweni emzini wayo. Ihlwempu lafa, laza laya ezulwini, apho lahlala ecaleni kuka Abram (onguyise omkhulu okanye isinyanya samaYuda).

Yathi yakuba ifile indoda leyo yayisisityebi yaya kwindawo eyoyikekayo enomlili, yeva ubunzima obukhulu kwindawo ekuthiwa sisihogo.

Yabisa kuAbram ukuba athumele indoda leyo yayi ngumugqibi ukuba ise namanzi, kodwa uAbram wathi, pPhakathi kwethu nawe kukho umsantsa, abo bafuna ukuza apho besuka apha abanakukwazi, kanti nofuna ukuza apha kuthi angeke akwazi.

Zihlobo, esihogweni akukho konwaba, yaye akungeke uzimele. Abo bayakhona bazakuva ubuhlunga ngonaphakade.

Nokuba usisityebi okanye ulihlwempu, simele ukuba silandele indlela kaThixo kobu bom, ukuba sifuna ukungena ezulwini emva kokufa.

Ngako ke kholwa kwi Nkos uYesu Kristu ngoku uyakusindiswa ungayi esihogweni.

Umboniso 18: Isihlobo Emnyango

Umboniso 18: Isihlobo Emnyango

Luke 11:5-13

Enye indoda yaya kumhlobo wayo ngobusuku yathi, sihlobo ndiboleke ilofu ezintathu zesonka, kuba omnye umhlobo wam ube se luhambeni uze kum, ke andinanto ndinga mnika yona ekukuola.

Lomhlobo ungaphahathi endlwini selele naba ntwana bakhe. Sebelele, akafuni ukuvuka. Kodwa landoda ise mnyango anyizange ibe nazintloni ukuzingisa icele, ngoko ke umhlobo wayo wavuka wayinika oko ikufunayo.

UYesu uthi, Celani nophiwa funani nofumana nkqonkqozani novulelwa. Kuba wonke oceleyo uyafumana, lowo ufunayo uyafumana nalowo unkqonkqozayo elucangweni uyavulewa.

UYesu ubuya athi, Akudingeki ukuba singqibe kuThixa, kuba unguBawo wethu olungileyo. Uzimisele ukusinika uMoya oyiNgcwele, nokusipha oko sikudingayo.

Konke ekufuneka yo sikwenze thina, kukuthi sizingise ukucela ngokuthandaza, ukuse asincede sithobele ilizwe lakhe, nokuthi simthembe.

Umboniso 19: Amadoda Amabini Endlwini Kathixo

Umboniso 19: Amadoda Amabini Endlwini Kathixo

Luke 18:9-14

Ingaba uThixo uyamphula phula wonke umntu xa esiza kuye ngomthandazo?

Kulomfanekiso sibona amadoda amabini ethandaza endlwini kaThixo. Enye indoda ingumntu onenkolo. Kodwa ungumntu onempakamo. Wazithandazela esithi, Thixo ndiyakubulela kuba andifani nabanye abantu abaphangi, abenzi bobubi, abakrexezi, andifani naye nalo mbuthi werafu.

UThixo akazange akholiseke yilendoda nomthandazo wayo. Enye indoda leyesibinzi yayi ngumqokeleli werafu ongathembekanga, Wayesiba imali ya bantu. Wayezazi ukuba akamkholisi uThixo. Wayebetha isifuba eyithobile intloko yakhe enentloni. Wathandaza kuThixo esithi, "Nkosi yiba netaru kum, Mna moni!" UYesu ke uthi, UThixo wawuva lomthandazo wayo. Wayixolela isono sayo.

Zihlobo, uThixo uyabachasa abo banempakamo, abamkele abathobekileyo ugentliziyo.

Umboniso 20: Indoda Yatyala Imbewu Yayo

Umboniso 20: Indoda Yatyala Imbewu Yayo

Luke 8:4-9

Ngenye imini uYesu wayefundisa isihlwele. Wathi Umlimi waphuma esiyakutyala imbewu yakhe. Enye imbewu yawa ecaleni kwendlela intaka zayichola zayidla. Enye yawela elulwalweni yaphuma yabuya yatsha kuba yayinge nawo aManzi.

Enye imbewu yawa phakathi kwemithana enameva, yathi yakhula yayiminxwa imithana enameva. Ikhona imbewu eyawa kumhlaba olukungileyo. Yakhula kakuhle, yathwala isivuno esihle yayi phinda phinda kalikhulu leyo ibityaliwe.

UYesu uthi ebantwini, lowo unendlebe zokuva makeve. Emva koko abafundi bakhe, bambuza ukuba ingaba utsho ukuthini lomzekeliso.

Umboniso 21: Imbewu Iyakhula

Umboniso 21: Imbewu Iyakhula

Luke 8:9-15

UYesu wawucacisa lomzekeliso ngalendlela, Imbewu le lilizwi likaThixo. Leyo iwe ecaleni kqendlela ngabantu abathe baliva, ilizwi Wafika uSatana walithatha walisusa kubo. Kuba akafuni ukuba mabakholwe, ukuse uYesu iNkosi ibasindise.

Abo baselulwalweni, ngabathi balamkele ilizwi okomzuzwana, kodwa kuthi ngexesha yobunzima bawe.

Imbewu ephakathi kwemithana enameva ngabo bathi belivile ilizwi baminxwe bubutyebi nazingcinga zobu bomi bafe elukholweni.

Umhlaba olungileyo ngabalivileyo ilizwi likaThixo, baze bavelise iziqhamo exi lungileyo.

Zihlobo, ingaba uzakulamkela njani wena ilizwi likaThixo wakuba ulivile? Ingaba akuzokulithobela ukuze ulahleke?

Okanye uzakukholwa kwilizwi likeThixo ulithobele umkholise uThixo? Xa wenze njalo ke uyakuba njengala mbewu iwe emhlabeni olungileyo.

Umboniso 22: Ukuncedwa Komntu Owenzakeleyo

Umboniso 22: Ukuncedwa Komntu Owenzakeleyo

Luke 10:25-37

Singayazi ujani ukuba siyamkholisa uThixo kuboni, bethu bemihla ngemihla?

Izibhalo ezingcwele zisifundisa ukuba simele simthande uThixo, sithanda nabantu bonke. Kodwa ke ngabaphi abantu esimele ukuba sibathande?

UJesu wenza ibali ngendoda eyayihamba isihla ngendlela iyodwa. Izihange ezithile nayihlasela, zathatha zonke izinto zakhe zamshiya ezakufa.

Amadoda amabini enkonzo eza ngalondlela. Bayibona indoda leyo ingxweleriwe kodwa abafuna ukuyinceda.

Kwavela umhambi welinye ilizwe, wehla kwangalondlela. Waba novelwano ngalondoda wayibopha amanxeba ayo, Wamkwelisa eEsileni lakhe, wamsa eHotele ukuba ancedwe.

UYesu uthi, ukuba siyamthanda uThixo simele silubonakalise olothando ngokuthi sincede nawuphina umntu osengxakini ofuna uncedo.

Umboniso 23: Umnini Mzi Ubuyela Ekhaya

Umboniso 23: Umnini Mzi Ubuyela Ekhaya

Luke 12:35-48

Usakhumbula na ukuba emva kokufa kwakhe uYesu, wabuya wavuka emangcwabeni?

Abafundi bakhe bambona phambi kokuba abuyele ezulweni.

UYesu wabaxelela ukuba uzakubuya kwakhona. Wathi bonke abo bakholwayo kuye, kufuneka babe njengesicaka esilindele umqeshi waso xa ebuya emtshatweni.

UYesu wathi, "Kuyakuba kuhle kwezozicaka ayaku zifumana umninindlu zimlindile." Zihlobo Asilazi ixesha lokubuya kukaYesu. Kufuneka simsebenzele sihlale siku lungele ukumhlangabeza, simamkele ngoko nangoko xa efika.

Elo xesha uyakulenza ibe lixesha lovuyo nolo nwabo olukhulu. Kodwa kwabanga kholwayo, (abo bangakholwayo kuYesu) Krestu Inyakuba lixesha lonxunguphalo.

UYesu ubuya athi, Abo bongamele izicaka zakhe, bamele bahlale bekulindile ukubuya kwakhe. Ukuba bathe balungiselela kakuhle, babaphatha kakuhle abo bazizicaka zakhe, Bayakwamkela umvuzo omkhulu.

Kodwa ukuba bathe bazibetha izicaka basela banxila, Isohlwayo sabo siyakuba buhlungu.

Umboniso 24: Indoda Eyayisemthini

Umboniso 24: Indoda Eyayisemthini

Luke 19:1-10

UYesu unako ukusindisa nawuphina umntu esonoweni, Phula phula apha.

UZakeya wayengumqokeleli werafu osisityebi wayengathembekanga weba imali ebantwini Wafuna ukubona uYesu, kodwa wayemfutshane ngesithomo.

UYesu wayengqongwe sisihlwele esikhulu, uZakeyu ke wakhwela emthini. Xa uYesu edlula kuloondawo. Wakhangela phezulu wathi, "Zakeyu khawuleza uhle. Kuba ndimele ukuhlale endlwini yakho namhlanje. Abantu bamangaliswa. UZakeyu wayengengomntu ulungileyo, Kodwa uZakeyu wehla wamkela uYesu ngovuyo Waxelela uYesu ukuba uzakujika ebubini, atshi'ntshe indlela zakhe uzakubuyisa konke awayekubile. UYesu uthi "Kufike usindiso kulendlu" Zihlobo, UYesu weza kufuna nokusindisa abalahlekileyo. KuThixo. Khumbula, ukuba ufuna ukubuya ebubini, utshintshe indlela zakho njengo Zakeyu kwenze oko. Ngo Kuti ulungise ku Thixo, ngokukholwa, nokuthobela, uYesu Kristu.

संबंधित माहिती

Free downloads - Here you can find all the main GRN message scripts in several languages, plus pictures and other related materials, available for download.

"Look, Listen and Live" audio-visual - A set of 8 programs of 24 pictures each for evangelism and Christian teaching. The series presents Old Testament characters, the life of Jesus, and the young church.

How to use GRN Audio visual resources - 1: Sharing the Gospel made easy - This article gives an introduction to some of the many different ways the GRN audio visual resources can be used in ministry.

How to use GRN Audio visual resources - 2: Going Deeper - This article gives further explanation of how people learn from the stories, and why the stories do not have a lot of commentary.

The GRN Audio Library - Evangelistic and basic Bible teaching material appropriate to the people's need and culture in a variety of styles and formats.

Copyright and Licensing - GRN shares it's audio, video and written scripts under Creative Commons

Creating DVDs using the GRN Slide show Videos - How to burn DVDs for specific people groups you are trying to reach

Choosing the right audio or video format - What audio and video file formats are available from GRN, and which one is best to use?