Ukrestu Uyaphila

Ukrestu Uyaphila

Schema: A Survey of the Life of Christ for Evangelism and Basic Bible Teaching. Comes with a 120 picture set.

Numero di Sceneggiatura: 440

Lingua: Xhosa

Tema: Sin and Satan (Deliverance, Light/Darkness, Sin, disobedience); Christ (Jesus, Our Substitute, Resurrection of Jesus, Son of God, Saviour of Sinful Men, Birth of Christ, Sacrifice / Atonement, Death of Christ, Life of Christ, Authority, Jesus, Our Shepherd); Eternal life (Salvation, Broad & Narrow Ways); Character of God (Love of God, Grace and Mercy, Nature, character of God, Word of God (the Bible), Power of God / Jesus); Living as a Christian (Prayer, petition, Worship, Witnessing, Second Birth, Obedience, Spiritual Growth, Peace with God, Forgiveness, Faith, trust, believe in Jesus, Spiritual Life, Christian values, Humility); Bible timeline (End Time, Second Coming, Gospel, Good News); Problems (Materialism, Evil Spirits, demons, Problems, troubles, worries)

Pubblico: General

Stile: Monolog

Genere: Bible Stories & Teac

Scopo: Evangelism

Citazione Biblica: Extensive

Stato: Publishable

Testo della Sceneggiatura

Intshayelelo

Intshayelelo

UKRESTU UYAPHILA
Iinkcukacha ngobomi bukaKrestu kumacandelo asisibhozo.

Icandelo lokuqala: Umfanekiso wokuqala ukuya kowe-14
Ukuza ehlabathini kukaKrestu

Intshayelelo
Ngubani uYesu Krestu? Ngaba uzelwe nini, waza wenza ntoni? Kanti ebevela phi? Impendulo kuyo yonke le mibuzo siyinikwa yiyo iBhayibhile, incwadi kaThixo. Konke ekufuneka sikwazi ngoThixo kubhalwe eBhayibhileni. IBhayibhile isifundisa ngako oko kuthe kwenzeka ekuqaleni, xa lithe labakho ihlabathi. Phulaphula kakuhle, uyikhangele imifanekiso ukususa kowokuqala uye kutsho koweshumi elinesine. Ke uya kuva ukuba bekutheni ukuze uYesu Krestu eze ehlabathini. Ke xa uthe weva le ngoma uze uqonde okokuba lixesha lokuba uye kumfanekiso olandelayo.
(Ingoma)

Umfanekiso 1

Umfanekiso 1

UThixo ukho ngonaphakade. Kwasekuqalekeni wayekho. NoYesu Krestu wayekho ngonaphakade, ekunye noThixo. UThixo uzityhile kuthi ngoYesu. IBhayibhile yincwadi kaThixo apho ibhalwe khona intando kaThixo malunga nabantu. Konke esimelwe kukwazi ngoYesu noThixo kubhalwe eBhayibhileni. IBhayibhile ithi uYesu ulukhanyiso lwehlabathi. Kutshiwo kuba abo bakholwayo nguye, bebeke ithemba labo kuye, ubabonisa indlela esinga kuThixo. Bonke abazinikele ngokupheleleyo kuYesu yena ubanika ubomi obungenasiphelo. Obu bomi kukuphila ngonaphakade kunye noThixo apho yena akhoyo.
(Ingoma)

Umfanekiso 2

Umfanekiso 2

Sesitshilo ukuthi kwasekuqalekeni uYesu wayeselekho ekunye noThixo. Yena udale konke okukhoyo kwindalo yonke. Wenze bonke abantu nazo zonke izilwanyana ezisehlabathini. Indoda yokuqala nguAdam, yena owabiza umfazi wokuqala ngelithi unguEfa. Ngelo xesha bekungekho ukugula nokufa. Bekungekho nto imbi ikhohlakeleyo, kungekho ukubulala nobudlobongela nokuntshontsha, zingekho iintlungu neentsizi. Konke bekulungile, kunjengoko kudalwe nguThixo.
(Ingoma)

Umfanekiso 3

Umfanekiso 3

Abantu bokuqala, uAdam noEfa, uThixo ubahlalise kumyezo omhle. Lo myezo wawenziwe nguThixo ngokwakhe. Wawunemithi ethwala iziqhamo ezimnandi. Kodwa esidikidikini somyezo bekukho umthi abantu ababeyalwe ukuba bangatyi kwiziqhamo zawo. Ke uAdam noEfa bamthobela uThixo, bakwenza oko bakuyaliweyo. Kodwa ngenye imini uSathana wazenza inyoka, waya kungena phaya emyezweni apho babekho uAdam noEfa. NoSathana lo ngomnye wezidalwa zikaThixo. Kodwa uSathana umvukele uThixo olungileyo, efuna ukuba njengoThixo. Ke wazimisela ukuba kwanoAdam noEfa bamvukele uThixo, waza wabaxokisa. Suka ke abantu bakuyeka ukumthobela uThixo, balandela uSathana nobuxoki bakhe, batya kuloo mthi babeyalwe ukuba bangazityi iziqhamo zawo. Ngolu hlobo uSathana ukhokele abantu ukuba bangamthobeli uThixo, koko bayivukele intando yakhe elungileyo.

Ngokwenza le nto engalunganga uAdam noEfa basuke baba ngaboni. Aboni ngabantu abangamthobeliyo uThixo. UAdam noEfa bayekile ukukholwa ngamazwi kaThixo. Bayekile ukuyithemba intando kaThixo malunga nobomi babo. Bayekile ukuvana noThixo, kuba bakhethe ukuyikhaba imiyalelo kaThixo nenyaniso yakhe. Ewe, bamfulathele uThixo, bakuyeka ukukholwa nguye.
(Ingoma)

Umfanekiso 4

Umfanekiso 4

UThixo ubagxothile uAdam noEfa kuloo myezo ababesakuba behlala kuwo. Konke ehlabathini kusuke kwaguquka. Kwakutsalwa nzima, iingxaki zininzi. Kusuke kwabakho ukubulala nobudlobongela nokuntshontsha, zaba ninzi iintlungu neentsizi, zabakho izifo nokufa. Ukususela kwelo xesha bonke abantu abazelweyo babengamazi uThixo nentando yakhe elungileyo. Suka abantu baphila ngokwendlela kaSathana namacebo akhe.

Kodwa uThixo akayekanga ukubathanda abantu. Ke yena uye waba necebo lokubasindisa abantu, khon’ ukuze bangenzakaliswa nguSathana omacebo akhe asinga ekufeni.
(Ingoma)

Umfanekiso 5

Umfanekiso 5

Abantu baye besanda ngokwanda. Bamlibele uThixo, baza àbaqonda ukuba ubakhathalele, efuna ukuba balungelwe. Ke abantu abaninzi bacinge izinto ezimbi, bengakwazi okulungileyo. Kodwa ibikho indoda ethile eyayimazi uThixo, imlulamela. Igama layo nguAbraham. UAbraham nomkakhe babesele baluphele, bengenako ukuzala abantwana. Nanko uAbraham kulo mfanekiso wakhe. Kodwa ngobunye ubusuku uThixo wathi kuAbraham: “Khangela ezulwini, ulinge ukuzibala iinkwenkwezi. Inzala yakho iya kuba ninzi kwanjengokuba zininzi iinkwenkwezi.” Waqhuba uThixo esithi bonke abantu ehlabathini baya kusikelelwa ngenxa yenzala ka-Abraham. Oko kuthetha ukuthi babeya kuvuya kakhulu, kuba babeya kuphinda bavane noThixo njengoko kwakunjalo ekuqaleni kuAdam noEfa, phambi kokuba bawayo esonweni.

UAbraham akakuqondanga konke okuthethwe nguThixo, kodwa umthembile uThixo nazo zonke izithembiso zakhe. Ngenene ke, kuthe uAbraham enekhulu leminyaka ubudala umkakhe uSara wazala unyana.
(Ingoma)

Umfanekiso 6

Umfanekiso 6

UAbraham uphile wada wakhokhoba, baza baphila iminyaka ngeminyaka abantwana nabazukulwana bakhe, nabantwana babo nenzala yabo ngokunjalo. Iminyaka emininzi emva koko uThixo uthume isithunywa sezulu ukuya kwizwe lakwaSirayeli, apho inzala ka-Abraham yayihlala khona. Isithunywa esi siqale saya komkhulu eJerusalem. Kwesi sixeko bekukho indlu kaThixo enkulu, apho uThixo wayenqulwa khona ngabantu abakholwa nguye, ababethetha noThixo bethandaza.

Phaya endlwini kaThixo bekukho umbingeleli ogama linguZakariya. (Umsebenzi wombingeleli ubukukunikela kuThixo ngamadini phaya endlwini kaThixo, athandazele abantu bakwaSirayeli.) UmkaZakariya, uElizabhete, naye wayefana nomka-Abraham uSara ngokungazali bantwana. Kodwa ngenye imini, uZakariya ethandaza endlwini kaThixo, kuthe gqi isithunywa sikaThixo, sathi kuye: “Musa ukoyika, Zakariya. Umfazi wakho uElizabhete uya kuzala unyana. Uze umthiye igama elinguYohane. Ukuzalwa kwakhe kuya kukuphathela uvuyo nolonwabo, ize loo nto ibe luvuyo nakubantu abaninzi. Yena uya kuba ngumkhonzi obalulekileyo kaThixo. Uya kulawulwa nguMoya oyiNgcwele kaThixo kwasekuzalweni kwakhe.”

Ke konke kwenzeke njengoko isithunywa sasitshilo. Akuba mkhulu uYohane ube ngumkhonzi obalulekileyo kaThixo engumshumayeli (okanye umprofeti ngesiGrike) ovakalisa ilizwi likaThixo kumaSirayeli.
(Ingoma)

Umfanekiso 7

Umfanekiso 7

Iinyanga ezimbalwa emva kokuba isithunyuwa sikaThixo sathethayo noZakariya isithunywa esi sibonakele kwintombi ethile yakwaSirayeli. Igama layo nguMariya. UMariya lo wayengazange walala nendoda. Isithunywa sithe kuMariya: “Uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu. UMoya oyiNgcwele kaThixo uya kuhlela kuwe. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”
(Ingoma)

Umfanekiso 8

Umfanekiso 8

UMariya wayesendela kumfana ogama linguJosefu. Naye ebengowenzala ka-Abraham. UJosefu lo

wayelilungisa, wathi akuqonda ukuba uMariya unzima wazimisela ukumala angatshati naye. Kodwa isithunywa sikaThixo sibonakele kuye ephupheni, sathi: “Sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele kaThixo. UMariya uya kuzala unyana, ùmthiye igama elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.” Igama elithi Yesu lithetha ukuthi Msindisi okanye Mkhululi. Ke umsindisi ngumntu ohlangula abantu abasengozini.
(Ingoma)

Umfanekiso 9

Umfanekiso 9

UJosefu noMariya batshatile. Baye eBhetelehem, kuba kulapho ookhoko bakaJosefu babevela khona. Ngenxa yobuninzi babantu ababehambele apho bekungekho ndawo endlwini yabahambi. Kwanyanzeleka ukuba baye kuhlala esitalini semfuyo. Ke uYesu wazalwa apho esitalini.
(Ingoma)

Umfanekiso 10

Umfanekiso 10

Endle ngakwidolophu yaseBhetelehem kwakukho abelusi, belinda imihlambi yabo ebusuku. Babona isithunywa sikaThixo simi ngakubo, sathi: “Musani ukoyika. Ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kubo bonke abantu. Namhlanje eBhetelehem nizalelwe uMsindisi onguKrestu uMthanjiswa. Nantsi into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana usana lulele emkhumbini wesitali.”

Ngequbuliso kwabakho inkitha yezithunywa zikaThixo, ikunye nesithunywa eso, imdumisa uThixo, isithi: “Makadunyiswe uThixo kweliphezulu, kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.” Ewe, bezimncoma uThixo, zimenzela imbeko, zizimisele ukumhlonipha nangako oko zikwenzayo.
(Ingoma)

Umfanekiso 11

Umfanekiso 11

Bakhawuleza abelusi, baya eBhetelehem, bafika kuMariya noJosefu, kwanalo usana uYesu lulele emkhumbini wesitali njengoko isithunywa sasitshilo. Abelusi aba babengengabo abantu abafundileyo, kodwa baqonde kakuhle ukuthi olu luSana olulodwa. Ke ngoko babebulela kuThixo bemdumisa, kuba babevuya kakhulu.
(Ingoma)

Umfanekiso 12

Umfanekiso 12

UMariya noJosefu base usana uYesu endlwini kaThixo ukuya kubulela kuThixo ngaye, nokuthi bathembise uThixo ngelithi baya kuthembela kuye malunga nako konke ekufuneka kwenziwe ebomini balo Mntwana. Kaloku indlu kaThixo yayiyeyona ndawo apho abantu babemnqula khona uThixo bethandaza. Ke apho kwakukho nexhego eligama nguSimon. Yena wayekholwa sisithembiso sikaThixo sokuba uza kuthumela uMsindisi uYesu Krestu ehlabathini. USimon lo wayekulangazelela ukufika koMsindisi. Ke uSimon, akubona abazali bakaYesu bengena naye endlwini kaThixo, usuke wamfunqula uYesu, wabonga uThixo, wathi: “Nkosi, amehlo am alubonile usindiso lwakho olulungiselele bonke abantu. Amandla akho alukhanyiso lokukhanyisela iintlanga; abalula abantu bakho amaSirayeli.”

Endlwini kaThixo kwakukho nentokazi eyalupheleyo eyayingumshumayeli eyayithunywe nguThixo ukubayaleza nokubakhuthaza abantu. Igama layo belinguAna. Ke uAna lo, akuba esondele embonile uYesu, wamana ethetha ngaye kubo bonke ababelindele ukukhululwa. USimon noAna bobabini babeqonda ukuba uYesu unguKrestu uThixo athembise ukumthumela ehlabathini. Igama elithi Krestu lithetha ukuthi uMthanjiswa okanye uMkhethwa. Ke othanjisiweyo ufakwe kwisikhundla esithile, abe yena okhethiweyo engulowo walathelwe isikhundla. UYesu uchongwe nguThixo ukuza kusindisa ihlabathi.
(Ingoma)

Umfanekiso 13

Umfanekiso 13

Ngeli xesha iqela lamadoda anobulumko obukhulu aziingcali ahambele elakwaSirayeli. Ayebuzisa esithi: “Uphi na lo kumkani wabantu bakwaSirayeli amaJuda ozelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.” Iingcali ezi ke zilandele loo nkwenkwezi, zaya kufika eBhetelehem. Zithe zakumfumana apho uYesu, zamnqula, zanikela kuye ngezipho.
UHerode, owayengukumkani welakwaSirayeli ngelo xesha, uye waba nomona akuva ngokuhanjelwa kukaYesu ziingcali ezo. Wayengaxoli kusithiwa uYesu nguKumkani wamaJuda. Ke uHerode wazimisela ukumbulala uYesu. Kodwa isithunywa sikaThixo silumkisile uJosefu ephupheni, waza yena noMariya noMntwana lowo babalekela eJiputa. Ke bahlale apho de ukumkani uHerode wabhubhayo, baza babuyela kwelakwaSirayeli, baya kuhlala kwidolophu ekuthiwa yiNazarete.
(Ingoma)

Umfanekiso 14

Umfanekiso 14

Minyaka le uJosefu nosapho lwakhe babesiya eJerusalem ngexesha letheko lokudumisa uThixo. Eli theko belibizwa ngokuba yiPasika.

Kuthe ke xa uYesu wayeminyaka ilishumi elinambini ezelwe, baya ePasikeni endlwini kaThixo eJerusalem ngokwesiqhelo. Ke uYesu wayebaphulaphula apho abafundisi, ebabuza nokubabuza. Bonke abamváyo babemangalisiwe lulwazi lwakhe ngoThixo. UYesu wayesazi ukuba uThixo nguYise osemazulwnini, kodwa abanye abantu babengakuqondi oko.

Ke uYesu wakhula ngesithomo nangobulumko, ethandwa ngabantu, ebabalwa nguThixo.

Masikhe sizikhumbuze ngako oko sikufunde ukuza kuthi ga apha

Masikhe sizikhumbuze ngako oko sikufunde ukuza kuthi ga apha

Namhlanje sekudlule iminyaka engaphezu kwamawaka amabini okoko uYesu wazalwayo kwelakwaSirayeli. Njengoko sivileyo ukuzalwa kwakhe nobuntwana bakhe bebubodwa. Sikwave ngoAdam noEfa abathe ekuqalekeni babangela ukuba bonke abantu babalandele ngokuba ngaboni, bengamazi uThixo. Oku kwenzeke xa bathe emyezweni batya kumthi ababeyalwe ukuba bangatyi kuwo. Kodwa uThixo ubone icebo: uthume uYesu ukuze abantu abakholwa nguye, bezinikele kuye ngokupheleleyo, abavulele indlela ebuyela kuThixo.
(Ingoma)
Turnover Announcement
Misa umashini wakho, uguqule ikhasethi lakho kwicala lesibini sive okuqhubekhayo.

Intshayelelo 2

Intshayelelo 2

UKRESTU UYAPHILA
Icandelo 2: Umfanekiso we-15 ukuya kowama-32
Imimangaliso kaYesu Krestu

Intshayelelo
Kwangaphambi kokuzalwa kukaYesu uThixo wayemana ethetha namaSirayeli ngomlomo wabashumayeli bakhe, esithi uza kuthuma uMntu othile obizwa ngokuba nguKrerstu ukubasindisa abantu. Yena ebeya kuba namandla kunoSathana, ekwazi ukukoyisa ukufa nesono. Wayeza kuphilisa izigulane, abancede abahlelelekileyo, enze imimangaliso emininzi. Ke masikhangele umfanekiso we-15 ukuya kowama-32 ukuqonda ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uYesu.

Umfanekiso 15

Umfanekiso 15

Makube usakhumbula ubaliselwa ngombingeleli uZakariya owazala unyana uYohane. Ke uYohane uthe akukhula waba ngumshumayeli omkhulu. Wayehlala entlango. Abantu abaninzi baye khona ukukuva oko akuthethayo. Njengabo abashumayeli bakaThixo ababekho ngaphambi kwakhe noYohane wayesithi uThixo uza kuthuma uMsindisi. Wayebayala ukuzilungiselela ukufika koMsindisi, bakuyeke ukona, nditsho bayeke indlela engafanelekanga ababephila ngayo. Abantu abaninzi bakholiwe ludaba lukaYohane, baza babhaptizwa emlanjeni iJordane, besamkela uphawu lokuba baguqukile bayishiya indlela ababesakuba bephila ngayo, koko bezimisele ukuphila njengoko uThixo afunayo.
(Ingoma)

Umfanekiso 16

Umfanekiso 16

Ngenye imini, uYohane ebhaptiza abantu abaguqukileyo phaya emlanjeni, kufike uYesu. Kwakungekho mfuneko yakuba uYesu ayeke izinto ezingafanelekanga azenzayo, kuba yena wayengenasono. Kodwa noko wayefuna ukuba uYohane ambhaptize. Kulo mfanekiso sinokubona uYohane ebhaptiza uYesu. Ke akuba uYesu ebhaptiziwe uMoya oyiNgcwele kaThixo uhle phezu kwakhe enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye!”
(Ingoma)

Umfanekiso 17

Umfanekiso 17

Emva kokuba uYohane embhaptizile uYesu uMoya oyiNgcwele kaThixo umkhokelele entlango. Apho uYesu uhlale iintsku ezingamashumi amane engatyi. Ukwenze oko ukuze azilungiselele umsebenzi ekwakufuneka awenze apha emhlabeni.

Suka uSathana waya kuYesu, waza wamxokisa njengoko wenjenjalo kuAdam noEfa phaya emyezweni. USathan wayefuna ukuba uYesu enze isono, khon’ ukuze awunqande umsebenzi kaYesu emhlabeni, lo wokuba abasindise abantu kwizono zabo nokufa. Noxa uSathana wayemana elinga zange aphumelele, kuba uYesu wayemazi kakuhle uThixo, eyazi intando yakhe. Ke bonke ubuxoki bukaSathana uYesu ubuphendule ngokucaphula eBhayibhileni, yona eyincwadi etyhila intando kaThixo ngokubhekisele ebantwini. Okubhalwe eBhayibhileni kuyinyaniso. Kufundisa abantu ukungamthembi uSathana, kuba uyaxoka. UYesu wayekwazi oku, waza wamana ebukhaba ubuxoki bukaSathana ngenyaniso eseBhayibhileni. Ke uSathana akabanga nako ukumoyisa uYesu, wamyeka wemka.
(Ingoma)

Umfanekiso 18

Umfanekiso 18

Emva koko uYesu uye kummandla waseGalili ongentla kwelakwaSirayeli. Apho uYesu uye emtshatweni ekunye nonina neqela labafundi bakhe. Abafundi aba ibingabantu abalandela uYesu. Babekholwa nguYesu, beyamkela imfundiso yakhe, bezimisele ukuphila ngokwentando yakhe.

Ke suka iwayini yaphela emtshatweni apho. Waza uYesu wathi kwizicaka: “Zalisani imiphanda ngamazi.” Zakwenza ke oko, waza wathi kuzo: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.” Kwathi injoli yakungcamla kwaqondakala ukuba amanzi la ajike aba yiwayini elungileyo. Oku kwaba ngummangaliso wokuqala owenziwe nguYesu, kubonakalisa ubungangamsha bakhe.
(Ingoma)

Umfanekiso 19

Umfanekiso 19

Emva kwalo mmangaliso wokuqala uYesu wenze eminye imimangaliso emininzi. Laya lisanda inani labantu abeve ngale mimangaliso. Kubo kwakukho noNikodimo, owayeyinkokeli yamaJuda. Ngabusuku buthile lo Nikodimo weza kuYesu. Ke uYesu ufundise uNikodimo izinto ezininzi. UYesu wathi: “Inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngokutsha akanakulawulwa nguThixo. Kufuneka aqale azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo.”

Akwanelanga ukuba sizalwe siziintsana. Kufuneka umntu azalwe ngokutsha ngokusebenza kukaMoya oyiNgcwele kaThixo. UMoya oyiNgcwele ubonisa umntu oko kusisono, aze amguqule khon’ ukuze abuyeke ubomi obudala nobuxoki bukaSathana, aze aphile njengoko uThixo afunayo ukuba aphile. Xa kunjalo uyaqonda ukuthi uYesu uyabasindisa bonke abakholwa nguye, bezinikele kuye ngokupheleleyo. Wonke umntu okholwa nguYesu uya kuphila ngonaphakade kunye noThixo, kodwa ongakholwayo kuYesu uya kutshabalala.
(Ingoma)

Umfanekiso 20

Umfanekiso 20

UYesu wayejikeleza efundisa abantu abaninzi. Ngenye imini, ediniwe luhambo, uye kuhlala phantsi ngakwiqula. Ke kwafika umSamariyakazi, eze kukha amanzi. Lo mfazi wayengenguye umJuda wakwaSirayeli, kodwa wayengowesinye isizwe ekuthiwa ngamaSamariya awayehlala ezweni laseSamariya.

UYesu wayesazi ukuba lo mfazi ngumoni. Ebesele waba namadoda amahlanu, kanti nale wayenayo ngelo xesha ibingeyoyakhe. UmSamariyakazi lo uthe wamangaliswa kakhulu akuva eYesu ecela ukuba amnike amanzi. Ke uYesu wathi kuye: “Ukuba ubumazi ukuba ngubani na lo ucela amanzi kuwe, ngewucele kuye wena, aze yena akuphe amanzi aphilayo.” Waza ke wamchazela ngala manzi aphilayo. Ngaba ayintoni?

UYesu wayethetha ukuthi ophila engamazi uThixo ufana nonxanwe kakhulu. Ke onxanwe ngolu hlobo akanakuncedwa ngamazi. Amanzi aphilayo esiwanikwa nguYesu nguMoya oyiNgcwele. UThixo unika uMoya wakhe oyiNgcwele kuye wonke okholwayo nguYesu ezinikele kuye ngokupheleleyo.
(Ingoma)

Umfanekiso 21

Umfanekiso 21

Emva koko uYesu uphinde wahambela eKana kwelaseGalili, apho wayejike amanzi aba yiwayini. Igosa elithile lakomkhulu lize kuye. Laligulelwa ngunyana walo. Ke lambongoza uYesu ukuba amphilise. UYesu wathi kwigosa elo: “Goduka; unyana wakho uphilile.” Kwangelo lixa kanye uYesu akuthethayo oko umfana lo usuke waphila. Abakuvileyo oku baqondile ukuba uYesu unalo igunya lokuphilisa izigulane.
(Ingoma)

Umfanekiso 22

Umfanekiso 22

Ngenye imini uYesu ubone abalobi abane ngakuLwandle lwaseGalili. Amagama abo yayinguPetros noAndreya noYakobi noYohane. UYesu ubabizile, wathi kubo: “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngabalobi babantu.” Kwakukho inkitha yabantu ngaselwandle apho, waza uYesu wathi abalobi mabangenise isikhitshana emanzini. UYesu uye kuhlala phantsi esikhitshaneni eso, waza wabafundisa ngoThixo abantu abaselunxwemeni.
(Ingoma)

Umfanekiso 23

Umfanekiso 23

Akuba uYesu ebafundisile abantu, uthe kooPetros: “Yiyani phakathi enzulwini, nihlise iminatha yenu, nibambise.” Waphendula uPetros wathi kuye: “Mhlekazi, sibulaleke ubusuku bonke, asabamba nento le. Kodwa ngokutsho kwakho ndiya kuwuhlisa umnatha.” Bakwenjenjalo ke, babambisa inkitha yeentlanzi, kangangokuba waphants’ ukuqhaqheka umnatha wabo. Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubanceda. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants’ ukutshona. Bamangaliseka abalobi abo. Bakuba ke bezitsalele elunxwemeni izikhitshana, bayishiya into yonke, balandela uYesu. Ewe, baye baba ngabafundi bakhe abamlandelayo. Babekholwa nguYesu, beyamkela yonke into abafundisa yona. Babezimisele ukuphila ngokwentando yakhe.
(Ingoma)

Umfanekiso 24

Umfanekiso 24

EKapenahum kwelaseGalili uYesu ungene endlwini yesikhungo ukufundisa abantu apho ngoThixo. Kwidolophu nganye amaJuda ayenendlu yesikhungo apho ayesiya khona ukuthandaza nokufundiswa ngeLizwi likaThixo iBhayibhile. Ke abantu babemangalisiwe yimfundiso kaYesu, kuba wayethetha enegunya. Kaloku wayeyazi into ayithethayo, baza abantu bakholwa ngamazwi akhe. Endlwini yesikhungo apho kwakukho umntu onomoya ombi, indimoni. Lo mntu uvakale ekhala esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo.”

UYesu wayesazi ukuba lo mntu unendimoni. Ke uthe kwindimoni leyo: “Yithu tu, uphume kulo mntu.” Ke indomi yanyanzeleka ukuphuma kulo mntu, yamxhuzula, yaphuma kuye ibhombholoza. Bamangaliswa abantu, baqonda ukuba kwaneendimoni ezi ziyamthobela uYesu akuzikhalimela.
(Ingoma)

Umfanekiso 25

Umfanekiso 25

UYesu nabafundi bakhe baye kwindlu kaPetros. Bafike apho umkhwekazi kaPetros elele, egula yifiva. UYesu uye kuye, wamphakamisa embambe ngesandla. Yaphela kwangoko loo fiva, waza wabalungiselela ukutya. Ukususela oko abaninzi abagula zizifo ngezifo baziswe kuYesu, waza wabaphilisa, wakhupha neendimoni ezininzi.
(Ingoma)

Umfanekiso 26

Umfanekiso 26

UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa abantu ngoThixo, ephilisa abagulayo. Ke esinye isigulane besinesifo esibi solusu. Esi sifo amaJuda ayesithi liqhenqa. Lo mntu ubongoze uYesu ukumphilisa. Ke uYesu wolule isandla, wamchukumisa, wathi kwangoko waphila loo mntu. Abantu ke babesiya kuYesu, bevela macala onke, befuna ukuyiva imfundiso kaYesu nokuphiliswa nguye. Ngenxa yoko uYesu akabanga saba nako ukungena edolophini ebonwa ngabantu.
(Ingoma)

Umfanekiso 27

Umfanekiso 27

Ngamhla uthile abantu bevile ukuba uYesu usendlwini ethile eKapenahum ethetha nabantu. Kwaba bantu bekukho nabaziinkokeli zalapho kwezonqulo. Kwakukho namadoda amane phandle, exakiwe kukumsa kuYesu umhlobo wabo ofe umzimba, befuna amphilise. Ngenxa yokuxinana kwabantu ababanga nako ukusondela kuYesu, bengenako nokungena emnyango. Ke babone ukuba mabaqhaqhe uphahla, bamhlise ngakuYesu lowo ufe umzimba. Waza uYesu wathi kuye: “Nyana, izono zakho zixolelwe.” Waqhuba wathi kulo ufe umzimba: “Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe.” Wavuka kwangoko, wemka, baza bamangaliswa bonke.

Iinkokeli kwezonqulo zona zithe: “Ngubani onako ukuxolela izono ingenguye uThixo kuphela?” Ngalo mmangaliso uYesu uphinde wabonakalisa ukuba unalo igunya lokuphilisa abagulayo, ekwanalo negunya lokuxolela izono.
(Ingoma)

Umfanekiso 28

Umfanekiso 28

UYesu waya ngaselwandle, wathi edlula wabona indoda egama linguMatewu (ogama limbi nguLevi). UMatewu wayengumqokeleli-rhafu, bantu abo ababethiyiwe, kuba maxa wambi abaqokeleli-rhafu aba babebaqhatha abantu, bebanyanzela ukukhupha imali engaphezulu kweyimfanelo. Kodwa uYesu akumbona uMatewu, uthe kuye: “Ndilandele!” Ke uMatewu uphakame kwangoko, washiya konke, walandela uYesu.

Baqonda ke abantu ukuba uYesu uyabathanda kwanâbo bantu kuthiwa abalunganga, nditsho kwanamasela nezikrelemnqa. Ebefuna ukuba nabo baguquke bamlandele.
(Ingoma)

Umfanekiso 29

Umfanekiso 29

Ke uMatewu wabiza abahlobo bakhe ukuba babe nesidlo kunye noYesu. Into eninzi yabo ibingabaqokeleli-rhafu nabanye abantu abangalunganga. Ke iinkokeli kwezonqulo zakubona uYesu esitya kunye naba bantu, zabuza kubafundi bakhe zisithi: “Yini na ukuba atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?” Ekuvile oko, uYesu wathi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.”
(Ingoma)

Umfanekiso 30

Umfanekiso 30

UYesu waya komkhulu eJerusalem. Ngakwisango lesixeko eso uYesu ubone ndoda ithile eyayiminyaka ingamashumi mathathu anesibhozo igula. Yayilele ngakwichibi elalibizwa ngokuba yiBhetesda. Abantu abaninzi babekholwa ukuba uyaphiliswa ongene kuqala kweli chibi amanzi alo akushukuma. Nale ndoda ibifuna ukuphiliswa, kodwa ayibanga nako ukufika kuqala emanzini. Ke uYesu wathi kule ndoda: “Phakama! Thatha ukhuko lwakho, uhambe.” Kwathi kwangoko waphila loo mntu. UYesu wenze lo mmangaliso ngoMhla wokuPhumla, umhla wokugqibela weveki (lo wawubizwa ngokuba yiSabatha ngentetho yangoko). Ke iinkokeli kwezonqulo zamaJuda bezinemithetho eyodwa malunga nalo mhla, zisithi makungansetyenzwa, kungaphiliswa nokuphiliswa. Zazingazihoyi iingxaki zabantu iinkokeli kwezonqulo, kodwa zazikhathazekile kuba uYesu ephilise umntu ngoMhla wokuPhumla.
(Ingoma)

Umfanekiso 31

Umfanekiso 31

Ngenye imini uYesu wayecanda emasimini ngoMhla wokuPhumla enabafundi bakhe. Ke abanye kubafundi basuka bakha izikhwebu zengqolowa, batya. Zaphinda ke iinkokeli kwezonqulo zamtyhola uYesu ngelithi akawugcini uMhla woPhumlo. Waza uYesu wathi: “UMhla woPhumlo lo wabakho ngenxa yomntu, asinguye umntu owabakho ngenxa yawo.” Oko kuthetha ukuthi uThixo wayefuna loo mhla ube ngowokuba abantu baphumle, bathandaze, bancede abanye. Ibingeyonjongo yakhe ukuba ngalo mhla abantu batsale nzima, babe lusizi. Ke abantu babona ukuba uYesu uyiNkosi yawo noMhla wokuPhumla.
(Ingoma)

Umfanekiso 32

Umfanekiso 32

Ngomnye uMhla wokuPhumla uYesu uphinde wangena kwindlu yesikhungo ethile. Apho kwakukho umntu owayome isandla. Ke iinkokeli kwezonqulo zazimlalele, zifuna ukubona ukuba womphilisa na loo mntu ngoMhla wokuPhumla. Zazifuna ukummangalela ngokungawucgini umthetho woMhla woPhumlo. Yonke le meko ibibuhlungu kuYesu. Ke wathi kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe. Zaphuma ke iinkokeli kwezonqulo ezingalunganga, zaya kubhunga icebo lokumbulala uYesu.

Masikhe siphinde sizikhumbuze ngako oko sikufundileyo

Masikhe siphinde sizikhumbuze ngako oko sikufundileyo

Abantu bakwaSirayeli babemangalisiwe zizinto ezithethwa nezenziwa nguYesu. Babebona ukuthi unegunya elilodwa, baza ke abaninzi bakholwa nguye bamlandela. Kodwa zona iinkokeli kwezonqulo zemihla kaYesu bezinomona. Bezingakholwa ukuba unguye uKrestu, uMthanjiswa kaThixo, lo uThixo wayethembise ukuthi uza kumthumela ehlabathini.
(Ingoma)

Icandelo 3: Umfanekiso wama-33 ukuya kowama-45

Icandelo 3: Umfanekiso wama-33 ukuya kowama-45

UKRESTU UYAPHILA
Icandelo 3: Umfanekiso wama-33 ukuya kowama-45
Izinto uKrestu azifundise abantu

Intshayelelo
UYesu wenze imimangaliso emininzi, kuba wayebathanda abantu abangamahlwempu nabahlelelekileyo. Ngaphezu koko ufundise abantu izinto ezininzi malunga nokulawulwa nguThixo. Ubafundise ngendlela emabaziphathe ngayo ukuze bamkholise uThixo. Ke ngoku masive ngazo zonke izinto uYesu azifundise abantu, sibe sikhangela umfanekiso wama-33 ukuya kowama-45.

Umfanekiso 33

Umfanekiso 33

UYesu eseGalili uthe wathandaza ubusuku bonke, waza ngengomso wanyula amadoda alishumi elinambini kubalandeli bakhe. Aba bafundi bakhe ubabize ngokuthi bangabathunywa (okanye abapostile ngesiGrike). Bekufuneka la madoda amncedise uYesu ukufundisa abanye abantu.

Ke uYesu uhambe nabathunywa bakhe, waya kwindawo apho bekuhlangene isihlwele sabantu. Unyuke intaba, wahlala phantsi, wabafundisa abafundi bakhe ngoThixo nendlela ekufuneka siphile ngayo ukuze silawulwe nguye. UYesu wayesenjenjalo konke apho wayejikeleza khona. Nazi ke ezinye kwizinto azifundise abantu:
(Ingoma)

Umfanekiso 34

Umfanekiso 34

UYesu ufundise abantu esithi: “Isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga, koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini.” Waqhuba uYesu wathi: “Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Makukhanye ke ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.” Ewe, uYesu ebefuna baziphathe ngohlobo lokuba ingabi ngabo abanconywayo, kodwa ibe nguThixo onguYise ozezulwini.

Esitsho nje uYesu, kwakungenxa yokuba yena elulo kanye ukhanyiso lwehlabathi. Xa siyilulamela imfundiso yakhe, simlandela, sikhanyisa ukukhanya kwakhe. Yiloo nto atshoyo kubafundi bakhe ukuthi: “Nina nilukhanyiso lwehlabathi.” Kaloku abafundi bakhe bazuza ukukhanya kwabo kuye, yena lukhanyo olululo oluvela kuThixo, olunceda abantu ukumazi uThixo nokuphila ngokwentando yakhe. UYesu wayegqibelele. Oko kuthetha ukuthi akazange enze okanye acinge into embi – ebelunge kwaphela. Ubomi bakhe bufane nesibane esinamandla esikhanya ehlabathini elisebumnyameni. Ubumnyama obu bugquma konke okubi okusisono njengogonyamelo, nekratshi, nobusela, nokubulala. Ukuba silandela umzekelo kaYesu, size siphile ngokwendlela yena asifundise yona, nobethu ubomi buya kukhanyisa apha ehlabathini. Xa siphila ngolo hlobo abantu baya kuba nako ukuwubona umahluko phakathi kwethu nabanye abantu abangafuniyo ukumazi uThixo.
(Ingoma)

Umfanekiso 35

Umfanekiso 35

UYesu ufundise abantu ukuba bangalwi, bangaziphindezeli kwabo babakhathazayo. Uthe: “Othe wakuqhwaba kwisidlele sokunene, mguqulele nesinye. Ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.” UThixo uyabona xa sisoniwa ngabantu. Nguye oya kubohlwaya aboni. Ubohlwaya kwalapha kobu bomi kwanakobuzayo. Ke masingazicingeli ukuthi sithi emasiziphindezele kwabasonayo, sibabuyekeze okubi ngokubi. Hayi, uThixo ufuna sibathande bonke abantu. UYesu uqhube wathi: “Zonke izinto enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.”
(Ingoma)

Umfanekiso 36

Umfanekiso 36

Abantu abathile bayazigwagwisa bengabahanahanisi. Oko kuthetha ukuthi bayazidla, bezicingela ukuba balungile kunabanye abantu. Abantu abanjalo bathanda ukwenza izinto ezinokubonwa ngabantu, besithi zidandalazisa ukulunga kwabo. Ewe, bade benjenjalo nangokubhekisele kumthandazo, befuna ukuba abantu bakuncome ukumkhonza kwabo uThixo.

UYesu usiyala ukuba singabi njalo. Yena uthe: “Xa uthandazayo ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza. Ke xa nithandazayo ze ningenzi milembelele ingento njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli. Thandazani ke ngoko nina nithi:
‘Bawo wethu osezulwini,
malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.
Sibonele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;
usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;
ungasiyekeli ekulingweni.’”
Oku kuthetha ukuthi: “Bawo wethu osezulwini, sincede ukuba sikubeke, silihloniphe igama lakho. Makongame ukulawula kwakho apha emhlabeni ukuze abantu bakulumalele kwanjengoko ululanyelwa zizithunywa ezulwini. Nceda usinike ukutya esikusweleyo ukuze singalambi namhlanje. Sixolele amatyala ethu kwanjengoko thina sibaxolelayo abo bantu basonayo thina. Nceda ungavumi ukuba sihendwe senze izinto ezimbi, sicinge izinto ezingafanelekanga.”

UYesu uqhube wathi: “Xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani. Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.”
(Ingoma)

Umfanekiso 37

Umfanekiso 37

UYesu uthe zimbini iindlela esinokuphila ngazo. Enye yezi ndlela ibanzi, yaye kulula ukuyihamba, kuba iphangalele oku kwendlela yetha. UYesu uthe baninzi abayihambayo le ndlela, kanti le ndlela isinga entshabalalweni.

Enye indlela imxinwa, icuthene. Bambalwa abayihambayo le ndlela, kanti isinga ebomini bokuphila kunye noThixo ngonaphakade. Ke yile ndlela icutheneyo uYesu eze kuyibonisa abantu, ukuze sonke sibe nako ukuyiqonda indlela esinga kuThixo.

Ngaba wena uhamba ngeyiphi yezi ndlela namhlanje?
(Ingoma)

Umfanekiso 38

Umfanekiso 38

Oko uYesu asifundisa kona kufana nesiseko esomeleleyo, thina esinokuma ngxi kuso. Kufana nolwalwa esimi phezu kwalo. Abantu abathile bayakuva okuthethwa nguYesu, baze bakwenze oko akuthethayo. UYesu uthi bona bafana nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo. Nantso emfanekisweni indoda eyingqondi imi emnyango wendlu yayo. Yakuna imvula, sisitsho isikhukula, loo ndlu zange iwe, kuba ibisekelwe. Kodwa bakho abanye abantu abathi bakuweva amazwi kaYesu, suka bangakwenzi oko akuthethayo. Bona bafana nendoda esisiyatha, ethe yayakha entlabathini indlu yayo. Sakugaleleka isikhukula loo dlu iwile yadilika didli. Kaloku isikhukula simke naloo ntlabathi yayakhelwe phezu kwayo. Indlu yakhe ibingenasiseko sisiso.

Ngaba ubomi bakho bakhiwe phezu kwantoni? Ngaba wakhe phezu kwesiseko esomeleleyo esiyimfundiso kaYesu? Okanye ngaba wakhe entlabathini?
(Ingoma)

Umfanekiso 39

Umfanekiso 39

Ngenye imini uYesu waya edolophini ekuthiwa yiNayin, ekhatshwa ngabafundi bakhe. Babelandelwa yindimbane enkulu yabantu. UYesu akusondela esangweni ledolophu leyo, nâko kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, esiya kungcwatywa. Umfi lowo wayekuphela konyana womhlolokazi, umfazi osewaswelekelwa ngumyeni wakhe. Ithe iNkosi uYesu yakumbona, yavelana naye, yathi kuye: “Sukulila.” Ke yathi kumfi: “Mfanandini, vuka!” Wavuka wathi qwa umfi lowo ephilile. Bamangaliswa abantu, bazivakalisa iindaba ezingoYesu kulo lonke elakowabo. Lo mmangaliso ufundise abantu ukuba uYesu unalo igunya lokoyisa nokufa oku.
(Ingoma)

Umfanekiso 40

Umfanekiso 40

Ngaba nisalikhumbula ibali likaYohane umbhaptizi? Ebengumshumayeli wokugqibela wokuyala abantu ngelithi uYesu uyeza ehlabathini. UYohane uncede abantu abaninzi ukukholwa kuYesu, basiyeke isono. Bekufuneka baguquke, bakuyeke okubi, bazimisele ukwenza intando kaThixo, balandele uYesu.

Ukumkani okhohlakeleyo welo zwe lakwaSirayeli umbambile uYohane, wamvalela entolongweni. Ukumkani lo ebengakuthandi ukukhalinyelwa nguYohane ngenxa yezono zakhe. Ke, uYohane esentolongweni apho, uve ngezinto ezenziwa nezithethwa nguYesu, waza wathuma abahlobo bakhe ababini kuye ukumbuza esithi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Hambani niye kumbalisela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo. Iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abanezifo bayaphiliswa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi.” Waqhuba uYesu wathi: “Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim!” Ngokuhamba kwexesha loo kumkani ukhohlakeleyo umbulele uYohane, kodwa uYohane wahlala emthobele uThixo de wafayo, waza uYesu wathi uYohane uya kuzuza umvuzo wakhe ezulwini, apho uThixo akhoyo, aze aphile ngonaphakade elapho.
(Ingoma)

Umfanekiso 41

Umfanekiso 41

Ngenye imini inkokeli ethile kwezonqulo imeme uYesu ukuba aye kutya emzini wayo. Ke kufike umfazi olihenyukazi (umfazi obiza imali ukulala namadoda). Wayephethe iqhaga elinamafutha aqholiweyo anexabiso. Uye kuma emva kukaYesu elila, waza wafefa iinyawo zikaYesu ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo. Iinkokeli kwezonqulo azibanga nako ukuqonda ukuba kutheni uYesu amvumele lo mfazi ungumoni ukumchukumisa. Kodwa uYesu wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.” Kaloku ngale nto ayenzileyo lo mfazi ungqinele indawo yokuba uyakholwa nguYesu. Kodwa zona iinkokeli kwezonqulo ziye zamthiya ngakumbi uYesu.
(Ingoma)

Umfanekiso 42

Umfanekiso 42

Ngamini ithile uYesu wayefundisa abantu abaninzi ngakuLwandle lwaseGalili. Ke ubabalisele ngomlimi oye entsimini yakhe ukuhlwayela imbewu.
Inxenye yembewu iwe endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba.
Enye imbewu iwe endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo. Intshule kwangoko, kodwa lakuba shushu ilanga yatsha, yoma kwaphela, kuba ibingenazingcambu zendeleyo.
Enye imbewu iwe endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa.
Enye imbewu iwe kumhlaba olungileyo, yavelisa iziqhamo. Oko kuthetha ukuthi ikhule yavelisa imbewu enokuphinda ihlwayelwe, yongeze iziqhamo.
(Ingoma)

Umfanekiso 43

Umfanekiso 43

Eli bali lembewu linentsingiselo. Ngaba yintoni ingcaciso yalo?

Imbewu ngumyalezo esiyalwa ngawo kwiindawo ngeendawo eBhayibhileni. Ke zona iindawo ezahlukeneyo ekuhlwayelwe kuzo ngabantu abakwiimeko ngeemeko abaluvayo olu daba lweBhayibhile.

Abantu abathile bafana nendlela apho inxalenye yembewu iwe khona. Bayaluva udaba lweBhayibhile, kodwa abaluqondi, suka afike uSathana alube udaba olusezintliziyweni zabo, baze ke bangaphumeleli ekumthobeleni uThixo.

Abanye abantu bafana nendawo elulwalwa ebekuwe imbewu kuyo. Bayaluva udaba lweBhayibhile, baze bavume ukuthi lulungile, kodwa bakutsala nzima batyhola uThixo, baphinde baziphathe ngokungathi uThixo akakho.

Ke yona inxalenye yabantu bafana nomhlaba apho imbewu iwe kwindawo enokhula yaza yaminxwa lulo. Bayaluva udaba lweBhayibhile, kodwa amaxhala eli hlabathi nokulukuhla kobutyebi kuyaluminxa udaba olo, bangamthembi uThixo ngokupheleleyo, baxakwe kukuhlala bekholwa nguye.

Kodwa bakho abantu abafana naloo mhlaba ulungileyo enye imbewu iwe kuwo. Bakuluva udaba lweBhayibhile bayaluqonda, baze baphile ngokwalo. Bayamkholisa uThixo apha ehlabathini, yaye baya kuhlala naye ngonaphakade.
(Ingoma)

Umfanekiso 44

Umfanekiso 44

UYesu ubenzele amabali amaninzi anentsingiselo. La mabali abizwa ngokuba yimizekeliso. Ukhe wabalisa ngendoda ehlwayele imbewu elungileyo yengqolowa entsimini. Kodwa ebusuku kufike utshaba lwahlwayela imbewu yokhula phakathi kwengqolowa. Yadubula ke ingqolowa, kodwa kwabonakala nokhula. Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi: “Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi ukhula?” Wathi kuzo: “Le nto yenziwe lutshaba.” Zaza izicaka zathi kuye: “Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?” Kodwa yena wathi: “Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa. Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: ‘Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.’”

Kulo mzekeliso nguThixo lo uhlwayela imbewu elungileyo. Intsimi lihlabathi eli siphila kulo, ibe yona imbewu elungileyo ingabo bonke abakholwa nguYesu bemlandela. Ukhula ngabantu abangalunganga abangakholwa nguYesu, kodwa abakhethe ukubamkela ubuxoki bukaSathana, bephila ngokwentando yakhe. USathana nguye utshaba oluhlwayele le mbewu embi yokhula. Ixesha lokuvuna lixesha lesiphelo xa kuya kugwetywa. Abafundi bakaYesu nabalandeli bakaSathana baphila kunye apha ehlabathini de kube sisiphelo. Ngelo xesha abalandeli bakaYesu baya kwahlulwa kwabakaSathana. Bonke abangakholwayo kuYesu, bephila ngathi akakho uThixo, baya kuphathwa ngokokhula olo. Baya kutshiswa kumlilo ekuthiwa sisihogo. Abantwana bakaThixo bona bafana nengqolowa, isivuno esilungileyo. UThixo uya kubasa kwindawo ekhuselekileyo ukuhlala khona kunye naye ngonaphakade.
(Ingoma)

Umfanekiso 45

Umfanekiso 45

UYesu wenze umzekelo ngendoda ebhaqe ubutyebi obufihlwe entsimini. Ke ubugqumelele kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.

Ke uYesu uthe ukulawulwa nguThixo kufana nokuzuza obo butyebi. Xa sikholwa nguYesu, siphila simlandela, siphantsi kolawulo lukaThixo. Oko kuthetha ukuthi siba negunya lokudla ubomi kunye noThixo ngonaphakade. Kaloku kwalapha ehlabathini soba sikhethe ukukholwa nguye nokumazi ngokwamkela imfundiso kaYesu. Ke oko kuxabiseke ngaphezu kwako konke okunye esinokubuzuza apha ehlabathini.

Ke ngaba yintoni eyongezekileyo esiyifunde kwezi ndawo?

Ke ngaba yintoni eyongezekileyo esiyifunde kwezi ndawo?

Sibone ukuba uYesu ufundise abantu ngoThixo. UYesu wayemazi uThixo, waza ke waba nako ukufundisa abantu enegunya. Wayengafani neenkokeli kwezonqulo zexesha lakhe. Zona bezifundisa abantu imithetho kaThixo ziyixuba nemithetho yabo ngokwabo, kodwa zazingamazi uThixo, zingamthandi. Zazingaluqondi udaba lweBhayibhile, zilahlekiswa bubuxoki bukaSathana.
(Ingoma)

Turnover Announcement
Misa umashini wakho, uguqule ikhasethi lakho kwicala lesibini sive okuqhubekhayo.

Icandelo 4: Umfanekiso wama-46 ukuya kowama-60

Icandelo 4: Umfanekiso wama-46 ukuya kowama-60

UKRESTU UYAPHILA
Icandelo 4: Umfanekiso wama-46 ukuya kowama-60
Esikutyhilelwe nguYesu sakuboniswa nguye

Intshayelelo
Kuphela konako ukwenza imimangaliso eyenziwe nguYesu, afundise oko uYesu akufundisileyo, ngumntu okwanguThixo. Ke akukho wumbi unjalo ngaphandle koYesu. Kodwa ngaba abantu bathe bakholwa na ngenene ukuba uYesu unguKrestu, lowo uThixo athembise ukumthumela ehlabathini ukusindisa abantu kwizono zabo? Ibingabantu kuphela abavulwe iingqondo nguThixo ababenako ukukuqonda oku. Ke khawukhangele umfanekiso wama-46 ukuya kowama-60, uze ucaciselwe ngakumbi.

Umfanekiso 46

Umfanekiso 46

Ngamhla uthile, xa uYesu wayegqibile ukubafundisa abantu, uthe kubafundi bakhe mabamkhwelise esikhitshaneni, bamse ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Ke kwabakho isaqhwithi, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi, baza abafundi boyika kakhulu. Babesithi baza kuntywiliselwa. Kodwa uYesu uwukhalimele umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu, baza abafundi bathi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani na lo ude alulanyelwe ngumoya nalulwandle!” Kaloku uYesu uthe ngalo mmangaliso wababonisa ukuba unalo igunya lokulawula kwaumoya nolwandle.
(Ingoma)

Umfanekiso 47

Umfanekiso 47

Wakudamba umoya uYesu nabafundi bakhe bafike phesheya koLwandle lwaseGalili. Akuba uYesu ephumile esikhitshaneni wahlangatyezwa ngumntu othile. Lo mntu wayeneendimoni ezininzi, abantu bengenako ukumbopha nangamakhamandela namatyathanga. Lo mfo uye kuguqa phambi koYesu, waza uYesu wayala ezo ndimoni ukuphuma kuye. Ziphumile ke, zaya kungena kumhlambi weehagu owawulapho. Ke iihagu ezo zisuke zaphaphatheka, zehla ethambekeni, zaya kweyela elwandle, zarhaxwa. Ke umfo lowo umkile, waya kuxelela abantu abaninzi ngako oko uYesu amenzele kona. Ngokwenza oku uYesu ubonise abantu ukuba unamandla awodwa, amandla okuyala iindimoni nokuba zininzi, zize zimlulamele.
(Ingoma)

Umfanekiso 48

Umfanekiso 48

UYesu ubuye waluwela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, waya eKapenahum. Ke kwahlanganisana isihlwele esikhulu. Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini. Lo mfazi ucinge wathi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba yingubo yakhe le, ndophila.” Wasondela ke ngasemva kuYesu, wayichukumisa ingubo yakhe, watsho waphila kwangoko. Lo mfazi ebesithi uYesu akazi ngaye, kodwa uYesu wabheka ngasemva, wathetha naye, wathi: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.” Lo mfazi wayekholwa nguYesu, ebeke ithemba lakhe kuye ngokupheleleyo, waza ke uYesu wamphilisa.
(Ingoma)

Umfanekiso 49

Umfanekiso 49

Esathetha nalo mfazi uYesu kufike enye yeenkokeli kwezonqulo kwindlu yesikhungo, yathi kuYesu: “Intombi yam isindekile. Khawuze ubeke izandla zakho phezu kwayo, ukuze ichache, iphile.” Ke uYesu uyile endlwini yale ndoda, kodwa kuthe akufika yaba intombazana leyo sele ifile. Waza uYesu wangena apho wayekhona umntwana lowo, ekhatshwa ngabafundi bakhe abathathu kunye nabazali bomntwana. Ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Ntombazana, vuka!” Yavuka kwangoko intombazana leyo, yahamba-hamba, waza uYesu wathi mayinikwe into etyiwayo. Lo mmangaliso ungqinele bonke abalapho ukuthi uYesu unawo amandla okuvusa ekufeni.
(Ingoma)

Umfanekiso 50

Umfanekiso 50

Ngamhla uthile uYesu ubabizele kuye abo bafundi bakhe balishumi elinambini abakhethe ukuba ngabathunywa (okanye abapostile ngesiGrike). Bona bekufuneka bancedise uYesu ngokufundisa abanye abantu oko uYesu abafundisileyo bona. Ubanike amandla negunya lokoyisa zonke iindimoni, nokuphilisa izifo, wabathuma ngababini ngababini ukuya kufundisa abantu ngokulawula kukaThixo. Uthe kubo: “Ze ningaphathi nto yandlela: nokuba ngumsimelelo, nokuba yingxowa, nokuba sisonka, nokuba yimali, nokuba zizambatho ngazibini. Emzini enithe nafikela kuwo, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo. Apho benganamkeli manithi ekuphumeni kwenu kuloo ndawo, niluvuthulule nothuli olusezinyaweni zenu.” Ewe, uYesu ubalumkisile ngelithi abantu abathile abayi kufuna ukuluva udaba lwabo. Ke bona abathunywa batyhutyhe iidolophu ngeedolophu bevakalisa iindaba ezimnandi ezingoYesu, bephilisa izigulane.
(Ingoma)

Umfanekiso 51

Umfanekiso 51

Ekubuyeni kwabathunywa bakaYesu babediniwe, waza uYesu wabasa kwindawo esecaleni. Kodwa kufike isihlwele sabantu abangamawaka amahlanu, waza uYesu wasifundisa imini yonke. Yakuba ke isimka imini, abafundi abalishumi elinambini bathe kuYesu: “Sindulule isihlwele, abantu bemke baye ezidophini ezijikelezileyo nasezilalini, balale, bafumane ukutya, kuba apha sikwindawo engenamizi.” Kodwa uYesu wathi kubo: “Bapheni nina ukutya, batye.” Ke omnye wabafundi, uAndreya, uthe: “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. Kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?” Ke wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu neentlanzi ezimbini, wabulela kuThixo, wababela abantu, baza batya banela. Akuqokelelwa amaqhekeza aseleyo kwazala iingobozi ezilishumi elinambini.
(Ingoma)

Umfanekiso 52

Umfanekiso 52

Khe uYesu wemka, waya entabeni eyedwa. Abafundi bakhe bona bakhwela isikhitshana, baluwela uLwandlwe lwaseGalili. Ezinzulwini zobusuku babephakathi elwandle. Kwavuthuza umoya, amanzi olwandle alwa, batsho baba sengozini. Ukusondela kokusa babone nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle esondela. Boyika, besiba babona into engenguye umntu ncam, waza uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.” Waya kukhwela esikhitshaneni, waza umoya wadamba, baza bafika kuloo ndawo babesiya kuyo. Konke oku kubamangalise kunene abafundi.
(Ingoma)

Umfanekiso 53

Umfanekiso 53

Indimbane yabantu eyayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili yayimfuna uYesu. Aba bantu babefuna ukumenza ukumkani uYesu. Bakumfumana ngaphesheya kolo lwandle olwalulichibikazi elikhulu, ababanga nako ukuqonda ukuba kwenzeke ntoni ukuze abe lapho, baza bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?” Ke uYesu wathi: “Anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzileyo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo kunye noThixo. Oko kutya niya kukunikwa ndim.” Ke bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.” Wongeza uYesu wathi: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe. Okholwayo ndim unabo ubomi obungonaphakade. Ndim isonka esavela ezulwini esinika ubomi. Othe wasitya esi sonka uya kuphila ngonaphakade.”
Abantu abaninzi abakuqondanga oko uYesu abafundisayo. Abanye bamcaphukele besithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?” Ukususela ngoko into eninzi yabafundi bakaYesu yarhoxa, ayaba samlandela.
(Ingoma)

Umfanekiso 54

Umfanekiso 54

UYesu waya emideni yaseTire. Ke umfazi othile, ontombazana yayinendimoni, uthe kwangoko akuva ngoYesu, waya kuye, wazikhahlela ngasezinyaweni zakhe, wambongoza ukuba ayikhuphe kwintombazana yakhe indimoni leyo. Ke uYesu wathi kuye: “Indimoni seliphumile kwintombazana yakho.” Egodukile ke, wayifumana intombazana yakhe ingqengqe ebhedini, iphumile indimoni.

Abafundi bafundiswe into entsha ngulo mmangaliso. Lo mfazi wayengenguye umJudakazi. WayengumGrikekazi ovela phesheya kolwandle. Yena uYesu nabafundi bakhe bonke babengamaJuda bezwe lakwaSirayeli. La maJuda akwaSirayeli ayesithi uYesu uze kuphela ukusindisa wona, awahlangule angabi phantsi kukaSathana. Kodwa ngoku afunde ukuba uYesu uze ukusindisa nabantu bezinye izizwe neentlanga ehlabathini.
(Ingoma)

Umfanekiso 55

Umfanekiso 55

UYesu wadlula iSidon, waya kuLwandle lwaseGalili, ecanda kweleeDolophu eziliShumi. Kweziswa kuye isithulu, waza uYesu wasishenxisa esihlwelweni. Ke ufake iminwe ezindlebeni zaso, wachukumisa nolwimi lwaso, wakhangela ezulwini, wancwina wathi kuso: “Efata;” (oko kukuthi: “Vuleka”). Kwangoko yaba nako ukuva nokuthetha loo ndoda. Baba baninzi ke abantu abathe bakukuva oku beza kumbona uYesu. Waphilisa abaninzi, watyisa nesihlwele sabantu abangamawaka amane ngendlela engummangaliso enezonka ezisixhenxe neentlanzi ezimbalwa. Abantu babemangalisiwe kuko konke uYesu akwenzayo.
(Ingoma)

Umfanekiso 56

Umfanekiso 56

UYesu uye kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida, kwaza kweziswa imfama kuye, wabongozwa ukuba ayivule amehlo. UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini, waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na. Yona yathi: “Ndibona abantu bengathi yimithi. Nâbo behamba.” Indoda le ibingekabi nako ukubona ngokucacileyo. Ke uYesu uzibeke kwakhona izandla emehlweni ayo, yaza yakhangela yondela, yaphila, yabona konke ngokucacileyo.
(Ingoma)

Umfanekiso 57

Umfanekiso 57

Endleleni uYesu ubuze abafundi bakhe esithi: “Nina nithi ndingubani?” Ibingumbuzo obalulekileyo lo. Ngaba ngenene uYesu wayethunyelwe ehlabethini nguThixo? Kaloku nabafundi bakaYesu ngokwabo bekunzima kubo ukukholwa kuko konke akuthethayo. Bambi babesithi ungumshumayeli omkhulu othunywe nguThixo ukuvakalisa udaba lwakhe abayale abantu. Kodwa uThixo uncede uPetros ukuba ayiqonde inyaniso, waza uPetros waphendula wathi: “Wena unguye uKrestu. UnguNyana kaThixo ophilayo.”

Esitsho nje uPetros ebenyanisile. Makube sisakhumbula ukuba lithetha ukuthini igama elithi Krestu. Lithetha uMthanjiswa, lowo unyuliweyo. Ke uYesu uthe abafundi bakhe mabangaxeleli bani ukuthi yena unguye uKrestu.
(Ingoma)

Umfanekiso 58

Umfanekiso 58

Ke uYesu ubacacisele abafundi bakhe isizathu sokuba afune bangaxeleli bani ukuthi yena unguye uKrestu. Ubaxelele ukuba kufuneka aye komkhulu eJerusalem, aze eve ubunzima obukhulu. Ewe, ubabalisele ngelithi uza kude abulawe, ze athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke ekufeni. Kodwa abafundi ababanga nako ukukuqonda oku, besoyiswa kukukholwa kuko.

Iintsuku ezimbalwa emva koko uYesu uthathe abafundi abathathu, baza benyuka intaba bebodwa. Belapho uYesu wenziwe kumila kumbi, zasuka izambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa. Kwabonakala abashumayeli ababini ababalulekileyo ababevakalisa udaba lukaThixo kudala, uMosis noEliya, bathetha noYesu. Bona bathethe naye ngokubandezelwa nokufa kwakhe. Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” Bakukuva oko abafundi boyike kakhulu, bawa phantsi ngobuso. Kodwa uYesu ubavusile, esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!” Bakuwaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu. Waqhubela phambili ke uYesu ebafundisa abafundi bakhe lo gama besihla entabeni.
(Ingoma)

Umfanekiso 59

Umfanekiso 59

Bafike kwabanye abafundi kukho isihlwele sabantu esihlanganisene. Bekukho indoda eyayizise unyana wayo kuba enendimoni emenza angathethi. Umntwana lo ebesiwa emhlabeni, axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ke abafundi babelingile uyikhupha indimoni ebangela oku, kodwa bakhohlwa. Waza uYesu wayikhalimela indimoni, esithi mayiphume kumntwana lowo, watsho waphila. YayinguYesu kuphela onawo amandla okukhupha loo ndimoni.

Kuthe ke, bebodwa, abafundi bambuza uYesu besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?” Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”
(Ingoma)

Umfanekiso 60

Umfanekiso 60

Bemkile apho uYesu nabafundi bakhe baya kufika eKapenahum. Ke kweza kufika kuPetros abo bantu bamkela umrhumo wendlu kaThixo, bathi kuye: “Umfundisi wenu akawurholi na umrhumo wendlu kaThixo?” Kaloku ngelo xesha umzi ngamnye ubusithi xa kuyiwa endlwini yesikhungo ugalele imali eyayibizwa ngokuba ngumrhumo wendlu kaThixo. Le mali ibihlawula iindleko zokuxhasa indlu yesikhungo. Ke uPetrus uphendule wathi: “Ewe, uyawurhola.” UPetros akungena endlwini apho uYesu wayekho, kwathi engekathethi, uYesu wathi kuye: “Ubona njani? Ookumkani beli hlabathi barhafisa bani? Ngaba barhafisa oonyana babo, okanye abasemzini?” Waphendula wathi: “Abasemzini.” Waza uYesu wathi kuye: “Bakhululekile ke erhafini oonyana. Kodwa masingabakhubekisi aba bantu. Yiya elwandle, uphose umlobothi, uvule umlomo waloo ntlanzi uthe wayibamba kuqala. Wothi ke emlonyeni wayo ufumane iqhosha lemali elanele umrhumo wam nowakho. Yithathe ke ubanike, urhumele wena nam.”
(Ingoma)

Ke masizikhumbuze ngako oko sikufunde kwezi ndawo zingentla

Ke masizikhumbuze ngako oko sikufunde kwezi ndawo zingentla

UYesu uze ehlabathini ukusibonisa ukuba ungubani uThixo. Kodwa uYesu wayengenguye umshumayeli nje ovakalisa udaba lukaThixo. Hayi, ebevela kuThixo ezulwini, esityhilela uThixo ngokwakhe. Oko kuthetha ukuthi uze kusibonisa ukuba uThixo ungubani. Yiloo nto abizwa ngokuba nguNyana kaThixo. Kodwa ibingâbo bafundi kuphela abasondele kakhulu kuYesu ababeyiqonda inyaniso ngaye, bekholwa nguye.
(Ingoma)

Icandelo 5: Umfanekiso wama-61 ukuya kowama-78

Icandelo 5: Umfanekiso wama-61 ukuya kowama-78

UKRESTU UYAPHILA
Icandelo 5: Umfanekiso wama-61 ukuya kowama-78
Imizekeliso kaYesu – amabali awayefundisa ngawo

Intshayelelo
UYesu uqhubele phambili ebafundisa abafundi bakhe. Uwenzele amabali afundisa ngawo ekuthiwa yimizekeliso. La mabali ayenentsingiselo. Phofu ibingâbo kuphela bakholwayo nguYesu ababenako ukuyiqonda imfundiso yemizekeliso le. Kumfanekiso wama-61 ukuya kowama-78 sibaliselwa ngeqela lale mizekeliso. Kuyo sifunda ngokulawula kukaThixo, sifunde nangendlela esinokuba ngabantwana bakaThixo ngayo. Ke masiphulaphule iqela lale mizekeliso.
(Ingoma)

Umfanekiso 61

Umfanekiso 61

Abantu bayazithanda izikhundla eziphambili. Ngenye imini abafundi babuze uYesu besithi: “Nguwuphi oyena mkhulu ulawulwa nguThixo?” Ke uYesu wabiza umntwana, wammisa phambi kwabo, wathi: “Inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumngangatho wabalawulwa nguThixo. Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana. Othe egameni lam wamkela nokuba mnye onje, wamkela mna.”

Kubalulekile ukuba sibe nentobeko. Akufuneki sizicingele ukuthi singcono kunabanye abantu. Kufuneka sithembele kuThixo, siziphathe ngokolo hlobo yena afuna siziphathe ngalo, kuba okona kulungileyo yintando yakhe.
(Ingoma)

Umfanekiso 62

Umfanekiso 62

UYesu wenzele abafundisi bakhe umzekeliso ngegusha eyalahlekayo. Ke eli libali elinentsingiselo. Uthe ngenye imini igusha ethile ilahlekile yahlukana nomalusi nomhlambi. Ngenx’ enokuba umalusi ebeyithanda igusha yakhe, uzishiyile ezinye, waya kuyifuna leyo ilahlekileyo. Akuyifumana uvuye kakhulu.

Nantsi ke intsingiselo yalo mzekeliso: UThixo akafuni nokuba abe mnye kubantwana bakhe olahlekayo, alandele uSathana nobuxoki bakhe. Singabantwana bakaThixo xa sikholwa nguye, size siyithobele intando yakhe ebomini bethu, siphile ngokwamazwi akhe. UThixo uyabathanda bonke abantwana bakhe. Nokuba mnye othe walahleka, uya kuhlala emfuna, de aphinde amfumane.
(Ingoma)

Umfanekiso 63

Umfanekiso 63

Khe uPetros wabuza uYesu esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.” Waza ke wabenzela lo mzekeliso:

“Ukumkani othile wayenesicaka esinetyala elikhulu lemali. Sasingenanto yakulihlawula eli tyala, waza ukumkani wavelana naso, wasixolela ityala laso. Semka ke eso sicaka, sathi endleleni sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi. Sambamba, sathi: ‘Khupha imali yam!’ Kodwa eso sicaka asibanga nayo imali yokuhlawula ityalana elo. Ke ngaba sênza ntoni eso sicaka sokuqala? Ngaba sisixolele ityala laso esinye isicaka? Hayi bo! Sasiphosa entolongweni esinye.

“Ucaphukile ukumkani akukuva oko kwenziwe sesi sicaka sakhe sokuqala, kuba asibanga novelwano njengoko yena wayenalo. Waza ke ukumkani wathi masiphoswe entolongweni eso sicaka singaxoleliyo.”

Ngaba uthetha ntoni lo mzekeliso? Malunga nokufakwa kwesi caka singaxoleliyo entolongweni uYesu uthe: “Uya kwenjenjalo ke nakuni uBawo osezulwini, ukuba anithanga nonke ngabanye nawaxolela ngokupheleleyo amawenu iziphoso zawo.” Kutheni ukuze atsho? Kungenxa yokuba bonke abakholwa nguye bemlandela uThixo uyabaxolela iziphoso zabo besenza okufunwa nguSathana. Ke uThixo ulindele ukuba amakholwa, abantwana bakhe, babaxolele abanye iziphoso zabo.
(Ingoma)

Umfanekiso 64

Umfanekiso 64

Ngenye imini uYesu wayesendlwini kaThixo eJerusalem. Le ibiyeyona ndawo abantu babesiya kuyo ukuthandaza nokufuna ukwazi intando kaThixo. Ke apho endlwini kaThixo iinkokeli kwezonqulo zize nomfazi owayebanjwe ekrexeza. Oko kuthetha ukuthi uqhathe umyeni wakhe ngenye indoda. Ke iinkokeli kwezonqulo zathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza. Ngaba uthi makathiweni?” Aba bantu babemthiyisela uYesu, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Babefuna lo mfazi ukumgibisela ngamatye bambulale, kuba yayilisiko labo ukwenjenjalo. Kodwa uYesu wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.”

Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye. Waza uYesu wathi kumfazi lowo: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?” Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.” Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungabuye wone.”

Ewe, kwaneenkokeli ezi kwezonqulo nazo bezingabo aboni. Ke bezimthiyile uYesu, kuba oku wayekuthetha ekuhleni.
(Ingoma)

Umfanekiso 65

Umfanekiso 65

Ephumile endlwini kaThixo uYesu ubone umntu owayezelwe eyimfama. Abafundi babesithi eyimfama nje makube kungenxa yokuba yena okanye abazali bakhe bonile. Kodwa uYesu uthe: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye.” Ke uYesu uyivule amehlo loo ndoda, yaza yaxelela bonke ukuthi iphiliswe nguYesu. Iinkokeli kwezonqulo zona ziye zakhathazeka nangaphezu kwangaphambili.
(Ingoma)

Umfanekiso 66

Umfanekiso 66

Ke uYesu wenze umzekeliso ukucacisa impazamo yeenkokeli kwezonqulo. Uthe zifana nabelusi abaqeshiweyo. Umalusi ongumqeshwa, engenguye umnini wazo iigusha, ukhathalele imali ayizuzayo kuphela, engazihoyi zona iigusha. Bezinjalo ke iinkokeli kwezonqulo zakwaSirayeli. Zona bezingabahoyi abantu bakaThixo, kwathi uThixo akuthuma uYesu ukususa izono zabantu bakhe, naye àbamfuna, àbakholwa nguye. UYesu uthe: “Mna ndizele ukuba iigusha zam zibe nobomi, obona bupheleleyo. Mna ndinguMalusi olungileyo.” Waqhuba uYesu wathi: “Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.” UYesu wathi ufana nesango sesibaya seegusha. Sibona oku kulo mfanekiso. Wonke umntu ongena ngaye esibayeni ukhuselekile. Kaloku iigusha zihlala zikhuselekile wonke lo gama umalusi alindile. UYesu uyazikhusela iigusha zakhe ukuze zingenzakaliswa zibulawe zizinto ezimbi ebomini.
(Ingoma)

Umfanekiso 67

Umfanekiso 67

Ke kaloku kwafika enye yeenkokeli kwezonqulo, yalinga uYesu isithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibuzuze ubomi obungonaphakade?” UYesu wathi kuye: “Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

Ke yona inkokeli kwezonqulo, ifuna ukuzenza ilungisa, ibuze yathi: “Ngubani ummelwane wam?” Waphendula ngomzekeliso uYesu, wathi: “Umntu othile wayesihla, evela eJerusalem, esiya eJeriko. Eyedwa endleleni uhlaselwe zizihange ezamshiya esecicini lokufa. Kugqithe amaJuda amabini, esiya kukhonza uThixo eJerusalem. Athe akumbona lo mntu acezela phaya, àkafuna ukumnceda. Ke kwafika umSamariya, umntu wasemzini ongowolunye uhlanga, wathi akumbona wavelana naye. Usondele wawabopha amanxeba akhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga.” Wabuza ke uYesu wathi: “Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo uhlaselwe zizihange?” Inkokeli kwezonqulo yathi: “Ngulowo waba novelwano.” Waza uYesu wathi kuyo: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.”

Lo mzekeliso usifundisa ukuba ibingengabo abantu abathi bazimisele ukukhonza uThixo ababenovelwano nalowo usemngciphekweni. Bona abambonisanga lowo ukuthi uyathandwa nguThixo. Ukunqula ngokunokwako akumniki umntu ubomi obungonaphakade, yaye akusincedi ukuze sibathande abanye abantu. Hayi, kufuneka kuqala siqonde ukuba uThixo uyasithanda, size ke silwamkele olo thando, sikwamkele ukuxolelwa nguye izono zethu. Xa kunjalo siba nako ukumthanda uThixo, sibathande nabanye abantu, nditsho nokuba bangabolunye uhlanga, sifane nalo mSamariya wasemzini owavelanayo naloo mntu wenzakaliswe zizihange.
(Ingoma)

Umfanekiso 68

Umfanekiso 68

Kulo mfanekiso sibona uYesu etyelele kuloMarta nodade wabo uMariya. UMariya uhleli ngasezinyaweni zikaYesu. Wayefuna ukukuva konke uYesu akuthethayo. UMarta yena wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo. Ke waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba udade wethu lo andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho kuye andincedise.” Waphendula uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi. Kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.” Ewe, ukumazi uYesu, nokuyazi intando yakhe malunga nobomi bethu, kubalulekile kunezinto zethu esizixaka ngazo.
(Ingoma)

Umfanekiso 69

Umfanekiso 69

Makube usakukhumbula ukubafundisa kukaYesu abafundi bakhe ukuthandaza. Sibalise ngako kumfanekiso wama-36. Wabanika lo mthandazo ulandelayo okomzekelo:
“Bawo wethu osezulwini,
malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.
Sibonele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;
usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;
ungasiyekeli ekulingweni.”
Oku kuthetha ukuthi: “Bawo wethu osezulwini, sincede ukuba sikubeke, silihloniphe igama lakho. Makongame ukulawula kwakho apha emhlabeni, ukuze abantu bakulumalele kwanjengoko ululanyelwa zizithunywa ezulwini. Nceda usinike ukutya esikusweleyo ukuze singalambi namhlanje. Sixolele amatyala ethu kwanjengoko thina sibaxolelayo abo bantu basonayo thina. Nceda ungavumi ukuba sihendwe senze izinto ezimbi, sicinge izinto ezingafanelekanga.”
UYesu ufundise abafundi bakhe ukuba banako ukuthi nanini na basondele kuThixo ngomthandazo. Oko ubacacisele ngomzekeliso, esithi: “Ukuba ngaba ubani kuni uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye: ‘Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu, kuba ndinomhlobo ophambukele kum eseluhambeni, kanti andinanto ityiwayo ndingamnika yona;’ ngekhe kwenzeke ukuba lowo ungaphakathi aphendule athi: ‘Sukundikhathaza; sendivalile emnyango; mna nabantwana bam sesilele; andinako ukuvuka ndikunike.’ Ndithi kuni, nokuba akayi kuvuka amnike ngakuba engumhlobo wakhe, noko wothi ngenxa yokuzingisa kwakhe ecela, avuke amnike ezo zonka.”

Uqhube wathi uYesu: “Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Ukuba nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi ke yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?”

Umhlobo umncedisile lowo wayexakekile. Ke yena uThixo uya kubabonelela ngakumbi abantwana bakhe abazingisayo ukumthandaza. Ewe, uThixo uya kubapha uMoya oyiNgcwele bonke abafuna ukumthanda benyanisile, benqwenela ukuphila ngokwentando yakhe.
(Ingoma)

Umfanekiso 70

Umfanekiso 70

UYesu uyale abantu ukuba bakulumkele ukubawa. Ubenzele umzekeliso ngomntu osisityebi owayenomhlaba omkhulu, emi kakuhle. Umhlaba wakhe uchume kakhulu, waba nesivuno esikhulu. Ke ubone ukuba makazakhele oovimba abakhulu, asihlanganisele kubo sonke isivuno sakhe. Ke wazicingela esithi: “Mfondini, unempahla eninzi yeminyaka emininzi. Phumla, yitya, sela, chwayita!” Kodwa uThixo wathi kuye: “Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?” Ngenene ke loo mntu wasweleka ngobo busuku. Zange imali yakhe nempahla yakhe ngangokuba ingako ibe samnceda.

Ke uYesu uthe kubafundi bakhe: “Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi ehlabathini, kodwa engenabutyebi kuThixo.”

Akufuneki sisebenze ukuze nje singalambi. Hayi, kufuneka sizimisele ukuphila ngokwentando kaThixo malunga nobomi bethu. Kufuneka simthande uThixo, sibenzele okulungileyo abanye abantu. Xa senjenjalo siya kuba nobutyebi kuThixo ezulwini.
(Ingoma)

Umfanekiso 71

Umfanekiso 71

UYesu uxelele abafundi bakhe ukuba uza kubulawa, kodwa abayiqondanga into ayithethayo. Ukuhamba kwexesha uYesu wayemana ethetha ngako oku, esithi ixesha liyasondela lokuba abulawe, phofu esongeza elithi wobehle avuke emva kweentsuku ezintathu, aze ke abuyele ezulwini apho avela khona.

Kulo mfanekiso uYesu wenzela abafundi bakhe umzekeliso ukubafundisa ukuba uya kubuya eze emhlabeni. Ukubuya kwakhe abafundi bakhe abakulindeleyo baya kwamkela umvuzo wenceba. UYesu uthe: “Hlalani nikhaliphile, nikulungele ukusebenza, nezibane zenu zivutha.” Oko kuthetha ukuthi bekufuneka bahlale belindile. Uqhube wathi: “Yibani njengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko. Zinoyolo ezo zicaka eyothi yakufika inkosi yazo, izifumane zilindile. Nokuba ke ithe yafika ezinzulwini zobusuku, okanye ekuzeni kokusa, yazifumana zilindile, zinoyolo ezo zicaka. Nani ke ngoko hlalani niphaphile, kuba ndiya kubuya ngexesha eningandilindelanga ngalo.”

Ngoku siza kuva ngendlela uYesu afe ngayo, nangokuvuka kwakhe ekufeni, nokubuyela kwakhe ezulwini. Ke into ebalulekileyo esiyifunde kulo mzekeliso yile yokuba uYesu uthembise ukuphinda abuye eze emhlabeni, yaye simelwe kukuba sihlale siphaphile, silidele loo mini yokubuya kwakhe.
(Ingoma)

Umfanekiso 72

Umfanekiso 72

Ngomnye uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa ndlwini yesikhungo ithile. Yona indlu yesikhungo yindlu eyayakhelwe ukuba abantu baye kuyo ukuthandaza uThixo nokufunda ngaye. Kule ndlu yesikhungo bekukho umfazi owayegula iminyaka elishumi elinesibhozo, egobile, engenako mpela ukuma nkqo. Ke uYesu umbeke izandla lo mfazi, wema nkqo kwangoko, wabulela kuThixo, bavuya nabanye abantu abakubonileyo oku. Kodwa zona iinkokeli kwezonqulo zakhathazeka zacaphuka, kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla. Ke uYesu utyholwe ngokungayithobeli imithetho kaThixo. Kwakusithiwa uYesu usebenza ngoMhla woPhumlo, kanti iLizwi likaThixo, iBhayibhile, ithi makungasetyenzwa ngalo mhla. Enye yezi nkokeli ivakele isithi: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.” Yaphendula ke iNkosi uYesu, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza? Lo ke owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?”

Esitsho uYesu wenze ukuba abachasene naye badane. UYesu wayesazi ukuba ulungisile ngokuthi amphilise lo mfazi, esazi nokuba uThixo ebethanda ukuba lo mfazi aphile, angahlali ekwingxaki engaka yempilo.
(Ingoma)

Umfanekiso 73

Umfanekiso 73

Ngomnye uMhla wokuPhumla uYesu uphilise indoda eyayinesifo somlambo. Ziphinde zacaphuka kunene iinkokeli kwezonqulo. Ke uYesu wazenzela lo mzekeliso:

Umntu othile wênza isidlo esikhulu, wamema abantu abaninzi. Kodwa bonke ababemenyiwe bazilandule, bebeka izizathu zokuba baxakeke. Ke umnini-ndlu wathi kwisicaka sakhe: “Yiya ezitalatweni nasezirhangeni zedolophu, uqokelele amahlwempu nezilima neemfama neziqhwala, uphume uye ezindleleni, nasezindledlaneni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.”

UYesu ebethetha ukuthi iinkokeli kwezonqulo zifana naba bantu bamenywe kuqala. Zona zazifanele ukufundisa abantu intando kaThixo, kodwa azivumanga ukulwamkela umemo lukaThixo. Zazimenywe ukuguquka, zimlulamele uThixo ngokukholwa nguYesu. UThixo umema bonke abantu ukuza kuye.
(Ingoma)

Umfanekiso 74

Umfanekiso 74

Iinkokeli kwezonqulo zaziyikhalazela into yokuba uYesu edlelana naboni namahlwempu. Ke uYesu wenza umzekeliso, esithi: “Umfazi othile wayeneenkozo zemali ezilishumi, kwaza kwalahleka lwaba lunye kuzo. Ke ulumeke isibane, watshayela indlu, efunisisa. Akulufumana ukhozo olo lwemali uvuye kakhulu. Ubize abahlobo nabamelwane bakhe, esithi mabavuyisane naye, kuba ulufumene ukhozo lwemali obelulahlekelile.”

Waqhuba ke uYesu, wathi: “Ngokunjalo kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.” Ukuguquka kuthetha ukuyiyeka indlela engeyiyo yokuphila, ujike ubuyele kuThixo. UYesu ebefuna ukufundisa iinkokeli kwezonqulo kwanabo abafundi bakhe ukuba kuThixo bonke abantu apha kweli hlabathi baxabisekile, nditsho abantu abadala, ulutsha, abantwana, amadoda, nabafazi. Ufuna ukuba abantu baguquke bajike, bangabi salandela uSathana nobuxoki bakhe benze izinto ezizizono, kodwa babuyele kuThixo. Kaloku nguThixo osidale sonke, osithandayo, okwaziyo oko kusilungeleyo. UThixo, ekunye nazo zonke izithunywa ezulwini, uyavuya kakhulu xa umoni athe waguquka wabuyela kuye.
(Ingoma)

Umfanekiso 75

Umfanekiso 75

UYesu wenze nomye umzekeliso ukuyicacisa le ndawo yokuvuya kukaThixo ngomoni oguqukayo: Umntu othile wayenoonyana ababini. Inci ibingakuthandi ukumlulamela uyise. Ke ngenye imini ithe kuyise: “Bawo, ndinike isabelo sempahla elilungelo lam.” Wayabela ke impahla leyo uyise, yaza inci yathatha konke okwayo, yemka, yaya ezweni elikude. Khona apho ithe yayichitha impahla yayo ngokungakhathali inabahlobo abangalunganga. Zange ikulondoloze oko ikufumene kuyise, yaye zange izikhathaze ngokusebenza.
(Ingoma)

Umfanekiso 76

Umfanekiso 76

Kungekabi lixesha elingako kwabonakala ukuba inci iyichithile yonke impahla yayo. Yakufuna umsebenzi ixakiwe kukuwufumana, kuba ibilixesha elinzima, kukho indlala enzima kwelo zwe. Nxenxa yokuswela kunyanzeleke ukuba iye kusebenza komnye kubemi belo zwe, owathi yena inci le wayithumela emasimini akhe ukuba iye kwalúsa iihagu. Noxa kunjalo ibisalamba.

Yaqala ke ukucinga ngobomi bayo, yabuyela ezingqondweni, yathi: “Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo abahlutha sisonka, kanti ndim lo mna ndisifa yindlala! Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye: ‘Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisakufanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho, ndénze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho.’ Yesuka ke kwangoko, yaya kuyise.
(Ingoma)

Umfanekiso 77

Umfanekiso 77

Kwathi isekude lee inci, uyise wayibona, wavelana nayo. Uyise lo wayemthanda kakhulu unyana wakhe, esoloko enqwenela ukuba abuyele ekhaya. Wamkhawulela ke, wamgona, wamanga, evuya ngenxa yokubuya kwakhe. Umamkele okonyana wakhe, wamxolela iziphoso zakhe.

UThixo osezulwini ufana nalo mzali. Sonke sifana nalo nyana ungenankathalo. Sonke sityekile asayihoya intando kaThixo, uBawo wethu osezulwini. Sonke okwemvelo siphila ngokwentando yethu ingeyiyo ekaThixo. Sichithe ubomi bethu ngokwenza izono. Ke iziphoso zethu ezi zisibizela umonakalo ongathethekiyo. Kodwa uThixo usithanda kakhulu sonke. Ke yena uyamxolela wonke umntu ozisolayo ngezono zakhe, azohlwaye, aze aguquke, abuyele kuThixo.
(Ingoma)

Umfanekiso 78

Umfanekiso 78

UYesu wayemana ebafundisa abantu malunga nemali. Ebebayala ngelithi ukuthanda imali nempahla kunokwenza ukuba abantu bangamkhonzi ngokufanelekileyo uThixo. Oku kwenzeka xa abantu bethanda imali nempahla yabo ngaphezu kokuba bethanda uThixo nako oko yena atshoyo ukuthi kubalulekile. Siso esinye sezizathu zokuba iinkokeli kwezonqulo zimcaphukele uYesu: zaziyithanda kakhulu imali. Ikwasisizathu sokuba zingayihoyi imeko yamahlwempu. Ke uYesu abantu wabenzela lo mzekeliso:

Kwakukho isityebi esasivatha ezimbejembeje, sisitya oozimuncu-muncu. Esangweni laso kwakudla ngokuhlala ihlwempu. Laligula lilambile, kodwa isityebi zange silihoye. Ke lafa ihlwempu, lasiwa ezulwini kuThixo zizithunywa, apho lithe lonwaba khona.

Ukufa kwesityebi sona saba sendaweni yeentuthumbo. Silapho besinako ukuyibona indawo ihlwempu likuyo, kodwa kwakungekho ndlela yokuba siphume kule ndawo yeentuthumbo, siye ezulwini apho ihlwempu lalikho.

Lo mzekeliso usifundisa ukuba kuphela kwandlela yokuba sibe nokuya ezulwini kukukholwa nguYesu, sikuve oko akufundisayo, simlulamele. Akuncedi ukuba silinde de sife ngaphambi kokuba umcimbi wethu siwulungise kuThixo – loba seligqithile ithuba.
(Ingoma)

Esikufunde kude kube apha

Esikufunde kude kube apha

Ngemihla kaYesu abantu abaninzi babekholwa nguye. Babengabantu abanjengoMarta noMariya, abantu njengam nawe. Kodwa sibona ukuba abantu abaninzi ababekwizikhundla eziphambili, ngakumbi iinkokeli kwezonqulo, babengafuni ukukholwa nguYesu. Iinkokeli kwezonqulo zazifana nabelusi abangalunganga abangazikhathalelanga iigusha abamelwe kukuzalusa, zigusha ezo ezingabantu abalandela uThixo. Ngemizekeliso awayeyenza uYesu wayebalumkisa kwanabantu abangakholwayo nguye. Wayebafundisa abantu ngezona zinto ebomini ezixabisekileyo kuThixo. Emehlweni kaThixo eyona nto asikuko ukuba nemali eninzi, okanye ukunconywa ngabantu, okanye ukuba semagunyeni.

Okona kunexabiso:
kukumazi uThixo ngokukholwa nguYesu, yena othunywe nguThixo;
kukuyazi intando yakhe malunga nobomi bethu nokuphila siyenza loo ntando;
kukubaphatha ngobulungisa abantu esiphila kunye nabo;
nokukulondoloza oko uThixo asinike kona. Xa kunjalo asiyi kuba nexhala lokuba siya kuziphendulela kanjani kuThixo malunga nako konke asinike kona. Kaloku siya kuziphendulela kuThixo sakusweleka, okanye ukuba sisahleli ukubuya kukaYesu esiza kugweba.
(Ingoma)

Turnover Announcement
Misa umashini wakho, uququle ikhasethi lakho kwicala lesibini sive okuqhubekayo.

Icandelo 6: Umfanekiso wama-79 ukuya kowama-96

Icandelo 6: Umfanekiso wama-79 ukuya kowama-96

UKRESTU UYAPHILA
Icandelo 6: Umfanekiso wama-79 ukuya kowama-96
Ukutyholwa kukaYesu nokugwetywa kwakhe engenatyala

Intshayelelo
Ngoku siza kuva ngokungafunwa kukaYesu uKrestu ngabantu eze kuhlala phakathi kwabo, kuba bengakufuni oko akufundisayo nemimangaliso ayenzayo. Iinkokeli zabantu baloo maxesha zibafunzile abantu ukuba zingamfuni uYesu, zikuxhase ukuba makabulawe. Ngakumbi ibiziinkokeli kwezonqulo ebezifuna ukuba uYesu afe.

Ke yena uYesu uqhubele phambili ukubafundisa abantu nokwenza imimangaliso. Omnye kule mimangaliso wawenza kuloMarta noMariya. Ngoku khangela umfanekiso wama-79.

Umfanekiso 79

Umfanekiso 79

Lo ngumfanekiso wento engummangaliso omkhulu ethe yenzeka. Makube usabakhumbula abahlobo bakaYesu uMarta noMariya. Ke bona babenomnakwabo uLazaro othe wagula. UYesu wayengekho kubo ngelo xesha, kwathi engekafiki uLazaro wasweleka. Amawabo amsongela uLazaro emaqhiyeni, amfihla emqolombeni, kuba kwakuyindlela ababengcwaba ngayo mandula kwelo zwe. Ke bavale umqolomba ngelitye elikhulu.

UYesu ufike iintsuku ezine emva koko. UMarta noMariya bathi kuye: “Nkosi, ukuba ubukho ngengabhubhanga umnakwethu.” Waza uYesu wathi: “Umnakwenu uya kubuya avuke.” UYesu ebefuna bamthembe malunga nobu bomi, bamthembe namalunga nobomi bangasemva kokufa. Waza ke wathi: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade.” Ke baya engcwabeni likaLazaro, waza wathi uYesu: “Lisuseni ilitye.” Waza uYesu wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, ndiyakubulela kuba undiva. Mna bendisazi ukuba uhlala undiva, kambe ke nditsho ngenxa yale ndimbane yabantu ixhontelene apha, khon’ ukuze ikholwe ukuba ndithunywe nguwe.” Akuba etshilo wadanduluka wathi: “Lazaro, phuma engcwabeni!” Waphuma kwangoko uLazaro, waza uYesu wathi: “Mkhululeni amagqiya okungcwatywa, nimyeke agoduke.” UYesu uvuse uLazaro ekufeni. Ke into eninzi yabantu yakholwa nguYesu, kodwa zona iinkokeli kwezonqulo zimthiye ngakumbi, zabhunga amacebo okumbulala. UYesu wayekwazi oku, waza wakuyeka ukujikeleza ekuhleni. Uye ngasentlango, wahlala khona apho enabafundi bakhe.

Ukuba umntu uyakholwa nguYesu aze amlandele, wothi loo mntu, akuba efile, ahlale kunye noThixo ngonaphakade. Ebethetha loo nto uYesu xa wayesithi: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile.”
(Ingoma)

Umfanekiso 80

Umfanekiso 80

Ke kaloku uYesu waya kwikomkhulu iJerusalem. Endleneni wahlangatyezwa ngamadoda alishumi. Ayenesifo solusu esasoyikwa kakhulu ngabantu, kusithiwa liqhenqa. Bekulula ukusulelwa sesi sifo, aza loo madoda amela mgama, akhwaza athi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba.” UYesu ke uvumile, esithi mabahambe. Kwathi besendleleni bahlanjululwa kwisifo sabo. Enye kuloo madoda ijikile yaya kuYesu, yaziphosa ezinyaweni zakhe ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya, umntu wasemzini wolunye uhlanga. Waza uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Kutheni ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela kuThixo?” Wathi kwindoda leyo: “Phakama uhambe; ukholo lwakho lukunike ukuphila.”
(Ingoma)

Umfanekiso 81

Umfanekiso 81

UYesu uqhubele phambili ukubafundisa abafundi bakhe besendleleni esinga eJerusalem. Ubenzele umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi, wathi: “Kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu. Ngenye imini umhlolokazi, olihlwempu, umfazi ofelwe ngumyeni wakhe, uze kuloo mgwebi, wathi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’ Kuqala umgwebi akasihoyanga esi sicelo. Kodwa umhlolokazi unyamezele emana ecela, de ke umgwebi wathi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu, noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule.’”

UYesu uthe uThixo akafani nalo mgwebi ungenabulungisa. UThixo uyathanda ukuba simthandaze, efuna ukuyiphendula imithandazo yethu. Uya kusoloko ebancedisa abantwana bakhe, yaye akhawuleze ukwenjenjalo. Akayi kubayeka balinde.
(Ingoma)

Umfanekiso 82

Umfanekiso 82

Abantu abathile ababekuva oko uYesu akuthethayo babengabagwagwisi. Babekholose ngokuzicingela ukuba bangamalungisa abanehambo entle nabakhonza uThixo ngokufanelekileyo. Babeqinisekile ukuba uThixo ukholisiwe ngabo. Babezidla besithi bangcono kunabanye abantu. Ke uYesu ubenzele umzekeliso ngamadoda amabini. La madoda aye endlwini kaThixo ukuya kuthandaza. Eyokuqala ibiphambili kwezonqulo, yaye yayanelisiwe yihambo yayo. Kumthandazo wayo ibalisele uThixo ngobulungisa bayo, isithi: “Thixo, ndiyabulela kuwe, kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengayo nale enye indoda engumqokeleli-rhafu okrokrelwa ngabantu ngenya yobuqhetseba bakhe. Mna ndenza izinto ezilungileyo ezininzi.” Kodwa uYesu uthi zange uThixo aneliswe yile ndoda.

Enye indoda, umqokeleli-rhafu lo, yayimi qelele, ingathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo ayo. Yayizisola, imana iziphothula izandla, isithi: “Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.” Oko kuthetha ukuthi yayizohlwaya, ikuvuma ukuba ingumoni, icela ukuba uThixo ayenzele inceba. Ke uYesu uthe uThixo wanelisiwe ngulo mthandazo, esithi: “Inene, le ndoda yesibini, umqokeleli-rhafu, igoduke ililungisa kuThixo. Kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”
(Ingoma)

Umfanekiso 83

Umfanekiso 83

Abantu bazise abantwana kuYesu ukuba abachukumise. Ke abafundi abayibonanga imfuneko yako oku, baza babakhalimela abo babazisayo. Ekubonile oku uYesu, wakhathazeka, wathi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo. Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”

Oku kuthetha ukuthi abantu abafuna ukulandela uYesu kufuneka bazinikele kuye ngokupheleleyo bakholwe nguye. Kufuneka bamthembe njengokuba umntwana amthembayo umzali omthandayo emlondoloza. Kukuphela kwandlela ukuba babuve ubuncwane bokulawulwa nguThixo, baphile kunye naye ngonaphakade.
(Ingoma)

Umfanekiso 84

Umfanekiso 84

Kulo mfanekiso sibona umfana owambethe ezihombileyo eguqa phambi kukaYesu. Lo mfana uze kuYesu wabuza esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” Lo mfana osisityebi wayengumntu oyinkokeli ebalulekileyo phakathi kwamawabo. Kanti ebengumntu olungileyo. Uxelele uYesu ukuthi ukususela ebuntwaneni bakhe ebezimisele ukuyilulamela imiyalelo kaThixo. Ke uYesu weva emthanda lo mfana, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo. Woba nobutyebi ezulwini. Yiza kum ke, undilandele.” Wadana akukuva oko, wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha. Kuye eyona nto ibalulekileyo ibibubutyebi bakhe. Ebengakholwa kukuba ukulandela uYesu kungcono kunokuba sisityebi, kanti kunye noYesu sixhamla ubomi obungonaphakade kunye noThixo.
(Ingoma)

Umfanekiso 85

Umfanekiso 85

Ngaba uyakholwa na nguYesu? Ngaba uzinikele kuye ukuze uphile ngokwentando yakhe? Ukuba uthe wenjenjalo ngaba wonikwa mvuzo mni na? Ukuphendula lo mbuzo uYesu wenze umzekeliso malunga nemivuzo. Uthethe ngomnini-mzi othe ekupheleni kwemini wabamkelisa abaqeshwa bakhe. Abanye abaqeshwa babesebenze imini yonke, ukususela kusasa, ukuya kutsho ngokuhlwa. Ke bona ubanike loo mali baqhele ukuyamkela ngemini. Abanye babesebenze isiqingatha semini kuphela, kodwa nabo ubamkelise loo mali baqhele ukuyamkela ngemini. Ke basuke bamkhalazela abo basebenze imini yonke. Babesithi asibubo ubulungisa oko akwenzileyo. Ke umnini-mzi wathi: “Andiniqhathanga. Kaloku besivumelene ngemali eqhele ukwamkeliswa umntu ngemini. Thathani imali yenu, nihambe. Ndizithandele ukuba aba bafike mva ndibamkelise njengani. Kakade ndingenza endikuthandayo ngemali yam. Musani ukuba nomona ngenxa yokuba mna ndinenceba.”

UThixo ufana nalo mnini-mzi. Ubanika ubomi obungonaphakade bonke abakholwa nguYesu bezinikele kuye. Asinako ukubuzuza ubomi obungonaphakade ngemisebenzi yethu elungileyo. UThixo uvuza bonke abakholwa nguYesu ngokufanayo, kuba ebathanda bonke abantu, efuna ukubenzela okona kulungileyo bonke.
(Ingoma)

Umfanekiso 86

Umfanekiso 86

Esinga eJerusalem uYesu ufike kwidolophu ekuthiwa yiJeriko. Kwakukho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba. Igama lale mfama belinguBhartimeyu. Ke uBhartimeyu lo uve ukuba uYesu uyasondela endleleni, waza wabhombholoza esithi: “Yesu, ndenzele inceba!” Abanye abantu bamkhalimela ukuba athi tu, kodwa kwaba kokukhona akhwazayo ngakumbi. Wema uYesu, wathi uBhartimeyu makaziswe kuye. Akusondela ke, uYesu umbuze esithi: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni?” Wathi kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.” Ke uYesu wathi kuye: “Kulungile, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Kwangoko wabuya waba nako ukubona uBhartimeyu.
(Ingoma)

Umfanekiso 87

Umfanekiso 87

Kuloo dolophu yaseJeriko bekuhlala umqokeleli-rhafu ogama linguZakeyi. Naye wayefuna ukumbona uYesu, kodwa ebemfutshane ngesithomo, waza wasithwa yindimbane yabantu. Wabaleka ke, waya ngaphambili, wakhwela emthini womthombe, ukuze ambone uYesu xa adlula apho. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wathi kuye: “Zakeyi, khawuleza uhle, kuba namhlanje ndimelwe kukuba lundwendwe lwakho.” Bakhalala ke abantu, kuba babesazi ukuba uZakeyi ngumntu ongalunganga, owayeqhathe abantu abaninzi. Wayebarhafisa ngaphezu koko kufanelekileyo.

Kodwa yena uZakeyi uvuye kakhulu ukwamkela uYesu endlwini yakhe. Ugqibe kwelokuba abuguqule ubomi bakhe, akuyeke ukuqhatha. Ke uYesu uthe: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu. Kaloku mna ndize ukufuna kwanokusindisa abalahlekileyo.”
(Ingoma)

Umfanekiso 88

Umfanekiso 88

Ke uYesu ephumile eJeriko, esondela eJerusalem, uthume ababini kubafundi bakhe, esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nani. Nothi ke ningenanje nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni ke, niyizise apha. Ukuba ubani uthe kuni: ‘Kutheni na ukuba nikwenze oku?’ ze nithi: ‘Iyafuneka eNkosini.’”

Abantu abaninzi ezitalatweni zaseJerusalem babone uYesu engena eJerusalem ekhwele idonki leyo. Babesithi ufike ukuze athanjiswe abe nguKumkani wamaJuda. Ke babedanduluka besithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi!” Babebaninzi abantu abamamkele ngolu hlobo uYesu eJerusalem.
(Ingoma)

Umfanekiso 89

Umfanekiso 89

UJerusalem uYesu unyuke waya endlwini kaThixo, eyona ndawo apho abantu babemthandaza khona uThixo. Ukufika kwakhe apho, ubone ukuba abantu abathile abamhloniphi uThixo. Babethengisela abantu izilwanyana abanokunikela ngazo zibe ngamadini, kodwa babebaqhatha abantu abathengayo. Ke uYesu uzibhukuqile iitafile zabathengisayo, waza wathi: “Indlu kaThixo yindlu ekuthandazelwa kuyo ziintlanga zonke. Ke nina niyenze umqolomba wezihange.” Iinkokeli kwezonqulo zikuvile oku, kwaba kokukhona zifuna indlela yokuba uYesu zimbulale. Zazimoyika, zibona ukuba abantu abaninzi bayayiphulaphula imfundiso yakhe. Kanti okuninzi okufundiswa nguYesu kwakuchasene nokufundiswa abantu ziinkokeli kwezonqulo ezi.
(Ingoma)

Umfanekiso 90

Umfanekiso 90

Nanku omnye umzekeliso kaYesu ochasene neenkokeli kwezonqulo zemihla yakhe: Umnini‑mzi utyale isidiliya, waza wabona ukuba makaqeshise ngaso, aze ahambele kwelinye ilizwe. Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathumela isicaka kubaqeshi, ukuze bamnike imali yengqesho. Kodwa abaqeshi basuke basibetha isicaka eso, basindulula singaphathanga nto. Emva koko umnini-mzi uthume ezinye iizicaka ezininzi ukuphuthuma imali yengqesho, kodwa bona abaqeshi bazibethe zonke, bada babulala ezinye.

Ke umnini-sidiliya ubone ukuba makaselethuma unyana wakhe oyintanda, kodwa naye ubulewe ngabaqeshi. Ke uYesu ubuze esithi: “Uya kwenza ntoni ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika abatshabalalise abo baqeshi, asinike bantu bambi eso sidiliya.”

Iinkokeli kwezonqulo zazifana nabaqeshi aba. Zange zibahoye abathunywa bakaThixo, abashumayeli bamandulo, zaza azavuma ukulwamkela udaba lokuba uyeza ehlabathini uKrestu, uMthanjiswa kaThixo. Kanti ke lo gama uYesu abenzela lo mzekeliso abantu, iinkokeli ezi bezibhunga icebo lokumbulala uYesu, yena Nyana kaThixo ophilayo. Kaloku zazimthiyile zingakholwa nguye, njengoko zenjenjalo kubashumayeli bamandulo abamgabulele izigcawu.

UYesu wenze lo mzekeliso kuba esazi ukuba iinkokeli kwezonqulo zibhunga ukumbulala, zisenza unako-nako ukuze athethe okanye enze into eyimpazamo, ukuze zibe nako umkummangalela nokumgweba.
(Ingoma)

Umfanekiso 91

Umfanekiso 91

Enye yezinto eyenziwe ziinkokeli kwezonqulo ukumthiyisela uYesu kukumthumela abantu ukumbuza imibuzo enzima, ukuze zimbambise ngamazwi. Zazifuna athethe into ezinokummangalela ngayo kwabasemagunyeni kwaSirayeli. Owayelawula iziwe ezininzi ngelo xesha, nelakwaSirayeli liphantsi kwakhe, yayingukumkani weaseRoma, ebekusithiwa nguKhesare. Ke abo babefuna ukumbambisa ngamazwi uYesu bambuze lo mbuzo besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukurhafa kuKhesare?” Waza uYesu waphendula wathi: “Nindilingelani na? Ndiziseleni imali ndiyibone.” Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani na lo mfanekiso neli gama?” Bathi kuye: “NgokaKhesare.” Waza uYesu wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.” UYesu uyiphendule ngobulumko imibuzo yaba bantu, baza abafumana nto banokummangalela ngayo.
(Ingoma)

Umfanekiso 92

Umfanekiso 92

Ngenye imini uYesu wayehleli phantsi endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali apho abantu babefaka iminikelo yemali khona. Ubuke isihlwele, ebona izityebi ezininzi zinikela kakhulu. Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini ezixabiso liphantsi. Ke uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli. Kuba bonke abanye banikele bekhupha kwintabalala yabo, kanti yena eswele nje, uzibhokoxile, wanikela konke abenako.”
(Ingoma)

Umfanekiso 93

Umfanekiso 93

Izakhiwo zendlu kaThixo eJerusalem zazizihle kunene. Abafundi bakaYesu babemi mgama nendlu kaThixo, bencoma ubuhle bayo. Ke uYesu uthe kubo: “Niyazibona zonke ezi zakhiwo? Inene, akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.” Oko bekuthetha ukuthi indlu kaThixo eseJerusalem ibiya kudilizwa.

UYesu uthethe nabafundi bakhe ngexesha lesiphelo. Ubaxelele ngako oko kuya kwenzeka ehlabathini ngaphambi kwexesha lesiphelo. Uthe kuya kubakho iimfazwe ezininzi, abantu bafe yindlala, kubekho ukunyikima komhlaba, ze ke lifike ixesha lesiphelo. Ngelo xesha abantu abaninzi abakholwa nguYesu baya kutshutshiswa babulawe.

Kule mihla sikuyo siva ngazo zonke ezi zinto uYesu athe ziza kubakho. Kodwa kusekho into enye ekufuneka yenzeke. Iindaba ezimnandi ezingoYesu Krestu, ezi zokuba efikile ukuzisusa izono zabantu, kufuneka kuqala zibaliswe kulo lonke ihlabathi, sandule ke ukufika isiphelo, uYesu abuyele ehlabathini.
(Ingoma)

Umfanekiso 94

Umfanekiso 94

UYesu wênzela abafundi bakhe neminye imizekeliso ukubafundisa ngokubuya kwakhe esiza ehlabathini kwakhona. Uthe: “Bekukho iintombi ezilishumi. Bezilinde ukuqaliswa komsitho womtshato. Ezintlanu kwezi ntombi zazizizilumko, ezintlanu zizizidenge.

“Zazilindele ukuba umyeni wofika ebusuku. Ke zithathe izibane zazo, zaya kumhlangabeza. Kodwa umyeni walibazisa ukufika, zaza iintombi ezizizidenge zaqonda ukuba aziyiphathanga ioyile yokongeza ukuze izibane zazo zingacimi. Ke kwanyanzeleka ukuba ziye kwabayithengisayo ukuzithengela ioyile. Kuthe zisaya wafika umyeni. Ke ezo ntombi ezizizilumko ebeziphethe ioyile yokongeza zangena kunye nomyeni emsithweni, kwavalwa emnyango. Kamva zafika nezinye iintombi ezo zizizidenge, zathi: ‘Nkosi, sivulele.’ Kodwa umyeni waphendula wathi: ‘Andinazi nina.’ Zatsho ke zaphoswa ngumsitho ezo zidenge, kuba zazingayiphathanga ioyile yokongeza. Bezifanele ukuba zibe zilungile kanye ukufika komyeni.”

Lo mzekeliso uyala wonke umntu. UYesu osezulwini ngoku wobehle abuye eze emhlabeni. Ukuthembisile oko, yaye uya kufika ngequbuliso. Abanye abantu boba bekulungele oko. Bona baya kungena kunye noYesu kuloo ndawo uThixo abalungiselele yona kunye noYesu, bahlale apha ngonaphakade. Abanye abantu boba bengakulungelanga ukubuya kukaYesu. Bona bosala phandle. Yiloo nto uYesu watshoyo ukuthi: “Phaphani ke ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.”
(Ingoma)

Umfanekiso 95

Umfanekiso 95

UYesu wenzele abafundi bakhe nomnye umzekeliso ukucacisa ixesha lokubuya kwakhe. Uzekelise ngomntu osisityebi ohambele kwelinye ilizwe. Phambi kokumka kwakhe uzibizele kuye izicaka zakhe, wayigcinisa kuzo impahla yakhe. Izicaka ezibini ziyiphathe ngobulumko impahla egciniswe kuzo, zaza zamzuzela inzala. Sona esesithathu sasoyika ukusebenza nemali esiyigcinisiweyo, saya kuyimbela siyifihla de inkosi yaso ibuye. Emva kwexesha elide yabuya inkosi yezi zicaka, yathi kwezo zicaka zibini ziyizuzele inzala: “Ngxatsho, zicaka zam. Nithembekile, ke ndiya kuniphathisa izinto ezininzi.” Kodwa inkosi isicaphukele kakhulu eso sicaka silivila siyembeleyo imali yayo, yaza yasigxotha emzini wayo.

Wonke umntu uneziphiwo azinikwe nguThixo. Ke kufuneka sizisebenzise ngohlobo lokuba uThixo avuyiswe kukusinika zona. Xa athe wabuya uYesu esiza ehlabathini, kufuneka sibe sikulungele ukuziphendulela ngako oko senze ngobomi bethu. Ewe, kufuneka sihlale sikulungele ukubuya kwakhe. Xa kunjalo akukho sizathu sokuba siyoyike loo mini. Ke oko kusenokuba nanini na.
(Ingoma)

Umfanekiso 96

Umfanekiso 96

UYesu ufuna ukuba bonke babe bekulungele ukubuya kwakhe. Ngaloo mini wofika ekhatshwa zizo zonke izithunywa. Ke uya kugweba bonke abantu, amadoda nabafazi. Uya kufana nomalusi owahlula iigusha kwiibhokhwe. Uya kuthi abantu ababemthanda, babathanda nabanye abantu, baza benza okulungileyo, abahlule kubo ababengakholwa nguThixo, baza baziphatha ngokungathi akukho Thixo ukhoyo. Abantu ababephila ngokwentando kaThixo, kuba bekholwa nguye, baya kuphila ngonaphakade kunye noYesu, belawulwa nguThixo. Abantu ababengakholwa nguThixo, baza bazenzela ngokwentando yabo, baya kohlwaywa ngonaphakde.

Ke songeze ntoni kwesasikufundile?

Ke songeze ntoni kwesasikufundile?

Sibone ukuba uYesu ebewaqonda amacebo eenkokeli kwezonqulo okuba abulawe. Kodwa uxelele abafundi bakhe ukuba konke oku kulicandelo lecebo likaThixo ngobomi bakhe. Bekufuneka uYesu awufeze umsebenzi athunywe wona ehlabathini nguThixo, abafele bonke abantu. Kodwa uthembise ngelithi uya kuvuka ekufeni, anyukele ezulwini, aze athi ngokuhamba kwexesha abuye eze ehlabathini, esiza kuphuthuma abantu abakholwa nguye, ebaphuthuma ukuze bahlale kunye naye ngonaphakade.

Ngaba wena uyakholwa nguYesu?
(Ingoma)

Icandelo 7: Umfanekiso wama-97 ukuya kowe-108

Icandelo 7: Umfanekiso wama-97 ukuya kowe-108

UKRESTU UYAPHILA
Icandelo 7: Umfanekiso wama-97 ukuya kowe-108
Ukufa kukaKrestu

Intshayelelo
UYesu uchithe iminyaka emithathu efundisa abantu, esenza imimangaliso emininzi ehlabathini. Oku ukwenze eminyaka ingama-30 ezelwe ukuya kutsho kwiminyaka engama-33 ezelwe. Ubonise abantu ukuba uThixo ungubani. UThixo ulungile, kodwa yena uSathana ukhohlakele, kanti yena uSathana usebenze ezintliziyweni zeenkokeli kwezonqulo ukuze zenze amacebo okuba uYesu abulawe. Ke kuve oko kwenzekileyo lo gama ukhangela umfanekiso wama-97 ukuya kowe-108.

Umfanekiso 97

Umfanekiso 97

Kwathi uYesu eseBhetani, waya esidlweni endlwini kaSimon uZitshangubana. Makube usamkhumbula uLazaro owavuswa nguYesu ekufeni. Ke uLazaro noodade babo uMarta noMariya nabo babekho. UMariya wayephethe iqhaga lamafutha esiqholo axabiso likhulu. Ke uthambise uYesu ngamafutha lawo. Omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, ukucaphukele oku, esithi: “Kutheni esi siqholo singàthengiswanga, ize imali inikwe amahlwempu?” Esitsho nje uJudas kwakungekuko okokuba ewakhathalele amahlwempu, kodwa kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali eyayixhasa uYesu nabafundi bakhe yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo. Kodwa uYesu wathi: “Myeke uMarta. Esi siqholo usigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam. Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.”

La mazwi kaYesu angqinela indawo yokuba wayesazi ukuba iinkokeli kwezonqulo zicebe ukuba abulawe.
(Ingoma)

Umfanekiso 98

Umfanekiso 98

Emva koko uJudas Sikariyoti uye kwiinkokeli kwezonqulo esithi unokunikela uYesu kuzo. Zithe ke zona zavuya kakhulu, zathembisa ukumnika imali engamaqhosha angama-30 esilivere. Yena ke wahlala efuna ithuba lokuba amnikele kuzo uYesu, ukuze ziqiniseke ukuthi zibambe yena kanye. Wonke lo gama uYesu wayeyazi into ecetywa nguJudas.
(Ingoma)

Umfanekiso 99

Umfanekiso 99

Besendleleni besiya eJerusalem uYesu uthume abafundi ababini, esithi: “Nakungena eJerusalem nodibana nendoda ephethe ingqayi yamanzi. Ze niyilandele, niye kuloo ndlu ingena kuyo, nithi kumnini-mzi: ‘Umfundisi uthi: Liphi igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’ Ke yena wonibonisa igumbi elikhulu eliphezulu elinempahla yalo. Lungisani apho ke.”

Baya abo bafundi, bafika kunjengoko uYesu wayetshilo kubo, baza bakulungiselela ukudliwa kwePasika. Ke iPasika le ibilitheko elikhulu lamaJuda. Ayekhumbula oko uThixo enzele ookoko bawo mandulo, ewakhulula ezweni lasemzini, apho ayetsala nzima khona, esebenza engamakhoboka aphethwe gadalala. AmaJuda ayekhumbula nendlela uThixo abakhusele ngayo ookhoko, ebanika ilizwe lakwaSirayeli ukuze beme apho.

Ke, ngokuhlwa kwaloo mini, xa uYesu nabafundi bakhe babekwelo theko, kusuke kwabakho ukubangisana phakathi kwabafundi ngokuba ngubani na kubo ongoyena mkhulu. Waza uYesu waphakama etafileni, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, wabhinqa itawuli, wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe ngabanye ngabanye. Ke wathi kubo: “Ngaba niyayiqonda na into endiyenzileyo? Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi.’ Ke niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo. Ngoko ke, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo. Ndinenzele umzekelo, ukuze nani nenze njengoko mna ndinibonisileyo.”

Ukwenjenje uYesu ufundise abafundi bakhe ukuba ngoobani abona babakhulu kwabalawulwa nguThixo – ngabo bakhonza abanye.
(Ingoma)

Umfanekiso 100

Umfanekiso 100

Kwitheko lePasika uYesu ufundise abafundi bakhe nenye into ebekufuneka bahlale beyikhumbula. Xa babesitya, uYesu uthathe isonka, wabulela, wasiqhekeza, wanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo onikelwa ngenxa yenu.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke, kuba ligazi lam eli eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.”

Ukususela oko abalandeli bakaYesu bamana ukudibana ukutya isonka kunye ngolu hlobo nokusela kwindebe, bekhumbula ukuba uYesu wafela izono zabo. Mihla le esi sidlo sibizwa ngokuba ngumthendeleko, kukhunjulwa eso sidlo uYesu wayenaso kunye nabafundi bakhe. Ke ngobo busuku uYesu uphinde wabaxelela ukuba uza kubulawa, ekwathi abafundi bakhe baza kumshiya kwixesha elisondeleyo.

UPetros wothusiwe ngala mazwi kaYesu, wathi: “Nokuba bayakushiya bonke, mna andingekhe.” UYesu wathi kuye: “Inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”

Abafundi babengaqondi ukuba ukufa kukaYesu kuya kuba lidini lokucamagushela izono zabo bonke abantu. Bekufuneka ukuba uYesu afe, ukuze abantu babe nokuxolelwa izono zabo, bakhululwe kwisono nokufa okuboyisayo abantu kubatsalise nzima. Ukufa kukaYesu kukuphela kwandlela ukuba abantu basindiswe kwisono nokufa.

Ngaphezu koko abafundi abayiqondanga imbandezelo engako uYesu wayemelwe kukuyiva phambi kokuba afe, bengayazi nendlela aza kubulawa ngayo. Kodwa uYesu wayesazi. Wayesazi nokuba kwangobo busuku bonke babeza koyika kangangokuba babaleke bamshiye.
(Ingoma)

Umfanekiso 101

Umfanekiso 101

Ngobo busuku, besatya iPasika nomthendeleko, uYesu ufundise abafundi bakhe enye into ebalulekileyo. Uthe: “Ndim umdiliya, nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.”

Ubafundise esithi uThixo ufana nomnini-sidiliya. Ke yena Yesu ungumdiliya, babe bona abalandeli bakhe befana namasebe omdiliya. Amasebe anokuthwala iziqhamo kuphela xa amanyene nomdiliya. Ngokukwanjalo abalandeli bakaYesu banokuthwala iziqhamo kuphela xa bamanyene naye. Ezi ziqhamo kukuthanda uThixo nokubathanda abanye abantu. Ngaphezu kothando ezi ziqhamo zikwaluvuyo noxolo, umonde ububele ukulunga nentembeko, ubulali nokuzeyisa.

Kodwa uYesu uthe abantu abathile abayi kuzivelisa ezi ziqhamo. Ke bona uThixo uya kubasika abasuse kumdiliya. Ke amasebe angamanyananga nomdiliya ayoma, atshiswe emlilweni.
(Ingoma)

Umfanekiso 102

Umfanekiso 102

Akuba uYesu ebafundise ezi zinto abafundi bakhe ubathandazele. Ubongoze uThixo ukubomeleza kumaxesha anzima. Emva koko uYesu nabafundi bakhe abathile baye kumyezo waseGetsemane. Kwakusezinzulwini zobusuku. UYesu uthe abafundi abathathu mabalinde bathandaze. Yena waya bucala ukuze athandaze. Intliziyo yakhe ibibuhlungu ukufa, iligazi. Abafundi aba bona abahlalanga belinda, kodwa boyiswe bubuthongo balala. Nâbo emfanekisweni belele. Ke uYesu wathandaza eyedwa, exhalabile kuba ekwazi okuza kwenzeka kuye – ukuthuthunjiswa nokubulawa. Uthandaze ecela ukuba uThixo amnike amandla ukukwenza oko uThixo afuna akwenze, ancame ubomi bakhe abulawe, abe lidini elicamagushela izono zabantu bonke.
(Ingoma)

Umfanekiso 103

Umfanekiso 103

Ke uYesu uye kubafundi bakhe, wathi: “Lifikile ixesha. Vukani sihambe. Nanko lowo undinikelayo.” UYesu esathetha, wathi gqi uJudas Sikariyoti, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kwiinkokeli kwezonqulo. Ke uJudas wathi kubo: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni.” Efikile ke uJudas, uye kuYesu, wamanga. Bambamba ke uYesu. Kwakuba njalo babaleka bonke abafundi, bamshiya uYesu.
(Ingoma)

Umfanekiso 104

Umfanekiso 104

UYesu ke bambopha izandla, bamsa kwiinkokeli kwezonqulo. Ke yena umthunywa uPetros walandela uYesu ebekele kude. Wayefuna ukubona okwenzekayo. Iinkokeli nababingeleli babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga. Nangona babebaninzi abathetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani. Ke umbingeleli omkhulu ubuze uYesu esithi: “Unguye na uKrestu, uNyana kaThixo?” Waphendula uYesu wathi: “Ndinguye.” Ke iinkokeli zithe uYesu umelwe kukubulawa, kuba yena obonakala ngathi ungumntu nje esithi unguKrestu, uNyana kaThixo. Abanye bamtshicela, bambetha nokumbetha.
(Ingoma)

Umfanekiso 105

Umfanekiso 105

UPetros yena wayeseyadini esotha umlilo. Kaloku wayebalandele abo bambambileyo uYesu. Ke esinye kwizicakazana simbonile, sathi: “Nawe ubunaye uMnazarete uYesu.” Kodwa uPetros wakhanyela, kuba wayesoyika hleze naye abanjwe, wathi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.” Kude kwaba kathathu uPetros ekhanyela ukuba uyamazi uYesu. Yakhala inkuku, uPetros wakukhumbula okuthethwe nguYesu xa babesidla iPasika, esithi: “Ingekakhali kabini inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Woyisakala ke uPetros, waya phandle, walila kabuhlungu.
(Ingoma)

Umfanekiso 106

Umfanekiso 106

Ababingeleli bagqibe kwelokuba uYesu kufuneka abulawe, kodwa babengenalo igunya lokuwisa isigwebo sokuba umntu abulawe. Ke uYesu bamthumele kwirhuluneli yamaRoma, ukuze lithethwe phambi kwakhe ityala likaYesu. Igama lerhuluneli le belinguPilato. Yena wayenalo igunya lokugweba ngelithi umntu makabulawe. Ke iinkokeli zamaJuda bezifuna uPilato enze loo nto kanye. Kodwa uPilato uthe: “Andifumani tyala kulo mntu.” Amajoni aluke isithsaba sameva, asibeka entloko kuYesu, emphoxa. Ayesithi: “Aa, kumkani wamaJuda,” ehlekisa ngaye, embetha nokumbetha.

UPilato wayefuna ukumkhulula uYesu, kodwa abantu babenkqangaza besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!” UPilato woyika ukuba kuya kubakho isiphithiphithi. Zaba zona iinkokeli kwezonqulo zifunza abantu, zityhola uYesu zixoka. Wanyanzeleka ke uPilato ukuba amgwebe uYesu. Wayesoyika hleze amangalelwe kuKhesare ngelithi akanqandi xa avukelwayo uKhesare. Kaloku uKhesare wayengukumkani omkhulu weziwe ezininzi, nelakwaSirayeli liphantsi kwakhe. Ke ngoko bekunokuthiwa luvukelo ukuba uYesu kuthiwa unguKumkani wamaJuda. Wavuma ke uPilato, wagweba ngelithi uYesu makabethelelwe emnqamlezweni.
(Ingoma)

Umfanekiso 107

Umfanekiso 107

Amajoni emke noYesu, esiya kumbulala. Amnyanzele ukuthwala umnqamlezo. Ke umnqamlezo ziipali ezimbini ezinde ezibethelelwe ukuze enye inqumle enye. Kulo mfanekiso sinokubona uYesu ethwele umnqamlezo wakhe. Ke bamse kwindawo ekuthiwa yiGolgota engaphandle kwesixeko. Igama elithi Golgota lithetha ukuthi iNdawo yoKhakhayi.
(Ingoma)

Umfanekiso 108

Umfanekiso 108

Amajoni abelene ngeengubo zikaYesu, aza ambethelela ngezikhonkwane iinyawo nezandla emnqamlezweni, awuphakamisa umnqamlezo, awumilisa emngxunyeni. Bekumalunga nentsimbi yethoba kusasa ukubethelelwa kukaYesu emnqamlezweni. Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. Babeya kuhlala bexhonywe apho eminqamlezweni de bafe. Malunga nentsimbi yeshumi elinambini emini kusuke kwaba mnyama ezweni lonke. Kuhleli kunjalo de kwaba yintsimbi yesithathu emva kwemini. Ke uYesu wakhala ngezwi elikhulu, wathi: “Kugqityiwe!” Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo. Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”

Masizikhumbuze ngezizathu zokuba uYesu afe

Masizikhumbuze ngezizathu zokuba uYesu afe

Ewe, yinyaniso ukuthi uYesu wafa. Umsebenzi wakhe ehlabathini wawugqityiwe ngoku, njengoko wayetshilo emnqamlezweni. UYesu yena zange one, kodwa wafela izono zabo bonke abantu ehlabathini.

Kaloku bonke abantu bonile, bamvukela uThixo. Ke isohlwayo sesono kukufa nokugxothwa ngonaphakade kuThixo, ube sebunzimeni. Akukho mntu unokuxolelwa nguThixo lingathanga laphalala igazi lokucamagushela isono. Yiloo nto ababingeleli kwixesha likaYesu babesenza amadini endlwini kaThixo, bethandazela abantu ukuba uThixo abaxolele. Kodwa izilwanyana azinako ukulihlawula ngokupheleleyo ityala umntu analo kuThixo. Yiloo nto kwafunekayo ukuba uYesu eze ehlabathini. Emnqamlezweni kuphalale igazi lakhe, esifa engenatyala elilelakhe, kodwa efela izono zabantu bonke. Yena ukuphela kwadini laneleyo lokucamagushela izono zabantu kuThixo, kuba yena wayengenasono. Ewe, uThixo usithande kangangokuba athume uNyana wakhe okuphela kwakhe, ukuze eze apha emhlabeni, afele izono zethu, ukuze asihlangule kwisono nokufa okungonaphakade.
(Ingoma)

Turnover Announcement
Misa umashini wakho, uguqule ikhasethi lakho kwicala lesibini sive okuqhubekayo.

Icandelo 8: Umfanekiso we-109 ukya kowe-120

Icandelo 8: Umfanekiso we-109 ukya kowe-120

UKRESTU UYAPHILA
Icandelo 8: Umfanekiso we-109 ukya kowe-120
UKrestu uvukile ekufeni

Intshayelelo
Akuba uYesu efile emnqamlezweni, ijoni elithile lamhlaba ngomkhonto ephangweni ukuqinisekisa ukuthi ngenene ufile. Kodwa oko akubanga sisiphelo sikaYesu. Owona mmangaliso okhe wabakho ubuseza kwenzeka.

Umfanekiso 109

Umfanekiso 109

Bekukho umfundi kaYesu ogama linguJosefu. Wayevela kwidolophu ekuthiwa yiArimati. Ebesisityebi. Wayezenzele ingcwaba elitsha emyezweni ongekude kuloo ndawo uYesu wabethelelwa kuyo emnqamlezweni. Ngokwenkqubo yalapho ingcwaba elo belingumqolomba ovalwa ngelitye elikhulu.

UNikodimo wayeyinkokeli ephambili kwezonqulo. Makube nisakhumbula ukuba ngobunye ubusuku weza kuYesu ukufundiswa nguye. Ke uNikodimo lo uncedise uJosefu waseArimati. Bawususile umzimba kaYesu emnqamlezweni, bawubeka kwelo ngcwaba elitsha elingumqolomba, baza bavala ngelitye elikhulu.

Iinkokeli zamaJuda zicele ukuba uPilato athume abalindi ukulinqabisa ingcwaba elo, hleze abafundi bakaYesu bawube umzimba wakhe, baze bathi uYesu uvuke ekufeni. Kaloku zaziyikhumbula into uYesu wayeyithetha, esithi uza kuvuka ekufeni. Wavuma ke uPilato, wathuma amajoni okugada ingcwaba likaYesu.
(Ingoma)

Umfanekiso 110

Umfanekiso 110

Ngomhla wesithathu uYesu efile kwenzeke into engummangaliso. Kwakusa abafazi abathile ababengabalandeli bakaYesu baye engcwabeni lakhe. Kwabakho ukunyikima komhlaba. Isithunywa sikaThixo sivele ezulwini, saliqengqa ilitye elalivale ingcwaba, saya kuhlala phezu kwalo. Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba baba njengabafileyo. Ke isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile njengoko watshoyo. Yizani apha niyibone indawo awayekuyo. Khawulezani ke, niye kubaxelela abafundi bakhe, nithi: ‘Uvukile kwelabafileyo.’”
(Ingoma)

Umfanekiso 111

Umfanekiso 111

Abanye kubafazi babaleke ukuya kubaxelela abafundi, kodwa bona abakholelwanga kwinto abayithethayo. Ke uPetros noYohane babaleka ukuya kukhangela, baza kuphela babona amalaphu elinen uYesu awayebotshwe ngawo. Ayengachukunyiswanga mntu, kodwa uYesu wayengekho. Akukhangela ekubona oku uYohane wakholwa.

Bagoduka ke, kodwa babengekasiqondi isizathu sokuba uYesu avuke ekufeni.

Ababethunywe ukugada ingcwaba baye kuxelela iinkokeli kwezonqulo ngokwenzekileyo. Ke zona zibanike imali eninzi, zisithi: “Ze nithi abafundi bakhe beze ebusuku, bamba nilele.” Eli bali ke lasasazwa kwada kwaba namhlanje, yaye baninzi abakholelwa kulo.
(Ingoma)

Umfanekiso 112

Umfanekiso 112

Bemkile uPetros noYohane, uMariya waseMagadala ushiyeke engcwabeni. Wayelila kakhulu. Esalila njalo uthobile, wakhangela engcwabeni, wabona izithunywa zezulu ezibini zambethe ezimhlophe, zihleli apho bekukho umzimba kaYesu. Zona zathi kuye: “Ulilela ntoni?” Wathi kuzo: “Ithathiwe iNkosi yam. Andazi nokuba ibekwe phi na?” Esatsho wajika, wabona uYesu emi mgama, kodwa akaqondanga ukuba nguye. UYesu wathi kuye: “Ulilela ntoni, wethu? Ufuna bani?” Wayecinga ukuba ngumgcini-sitiya, wathi kuye: “Mnumzana, ukuba umsusile nceda undixelele apho umbeke khona.” Ke uYesu wathi kuye: “Mariya!” Watsho uMariya waqonda kwangoko ukuba nguYesu ngokwakhe lo uthetha naye.
(Ingoma)

Umfanekiso 113

Umfanekiso 113

Kwangaloo mini abafundi ababini babehamba ngenyawo bephuma eJerusalem, besinga kwidolophana ekuthiwa yiEmawusi. Iintliziyo zabo bezibuhlungu kakhulu. Babengekaqondi ukuthi uYesu uvukile ekufeni. Ke babehamba bethetha ngokufa kwakhe. Besathetha njalo uYesu ngenkqu wasondela, wahamba nabo. Phofu, bembona nje, kwasitheliswsa kubo ukuba bamnakane. Ke yena wahamba nabo, wabachazela ukuba uKrestu ebemelwe kukufa ukusindisa abantu ezonweni zabo. Bakusondele e-Emawusi abafundi aba bameme uYesu ukuhlala nabo. Kwathi besitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika. Aqabuka amehlo abo. Tyhini, nguYesu ngenkqu lo! Kwangoko wathi shwaka yena kubo.
(Ingoma)

Umfanekiso 114

Umfanekiso 114

Besuka kwangelo lixa abafundi abo, babuyela eJerusalem, besiya kubalisela abanye abafundi ngokuzibonakalisa kubo kukaYesu. Besazithetha ezi zinto abafundi, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, wathi kubo: “Uxolo malube nani.” Basuka boyika, kuba babesithi babona into engengomntu ncam. Wathi kubo uYesu: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo? Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” Etshilo wababonisa izandla neenyawo zakhe, ebabonisa amanxeba ezikhonkwane ezo wayebethelelewe ngazo emnqanlezweni. Wayefuna baqiniseke ukuthi ngenene uvukile ekufeni, bakholwe. Ke bejongile uYesu watya nentwana yentlanzi eyojiweyo.

Waza ke wazikhanyisela iingqondo zabo, esithi: “Nizibonile zonke ezi zinto ezenzekileyo. Ndive ubunzima ndabulawa, ndabuya ndavuka kwabafileyo ngomhla wesithathu. Kufuneka egameni lam kuvakaliswe kubantu bonke bezizwe zonke ehlabathini lonke ukuba bamelwe kukuguquka baxolelwe izono zabo.”
(Ingoma)

Umfanekiso 115

Umfanekiso 115

UTomas, omnye wabafundi, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo. Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!” Kodwa yena uTomas zange akholwe ukuba oko kuyinyanyaniso. NgeCawe elandelayo babehlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas. Iingcango zazivaliwe, kuba babesoyika iinkokeli zamaJuda. Wafika uYesu, wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!” Wakuyeka ukuthandabuza uTomas, wakholwa, wathi kuye: “Nkosi yam! Thixo wam!” Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”
(Ingoma)

Umfanekiso 116

Umfanekiso 116

Abanye kubafundi bakaYesu babuyele eGalili. Ngabusuku buthile baphume ngezikhitshana zabo besiya kuloba. Kodwa zange babambe nento le. Ukuthi chapha kokusa babone umntu emi elunxwemeni. Wathi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhitshana. Nobambisa ke.” Bawuphosa ke, baza babambisa iintlanzi ezininzi. Baqonda ukuba nguYesu lo uthethe nabo eselunxwemeni. Baya kuye ke, batya kunye naye, waza yena wabomeleza ebakhuthaza ukuhlala besenza konke abafundisileyo.
(Ingoma)

Umfanekiso 117

Umfanekiso 117

Ngenye imini abafundi babesentabeni eGalili. Apho uYesu uphinde wazibonakalisa kubo, wathi ngokuphandle: “UThixo uBawo undinike onke amagunya ezulwini nasemhlabeni. Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”

UYesu wamana ezibonakalisa kubafundi bakhe kwithuba lemihla engamashumi amane. Wayefuna baqonde ukuba uyaphila, yaye wayebafundisa oko bamelwe kukwenza kwixesha elizayo.
(Ingoma)

Umfanekiso 118

Umfanekiso 118

Kulo mfanekiso sibona uYesu entabeni ngaseJerusalem enabafundi bakhe. Khona apho uYesu uthe kubo: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esisesi: Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke eliningqongileyo, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.” Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona. Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nângo amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, aza athi: “UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.” Babuyela eJerusalem ke abafundi bevuya, baza balinda apho njengoko uYesu wayetshilo. Ke babezingisa ukuthandaza.

Bekunye iintsuku ezilishumi emva koko uThixo uthobe uMoya wakhe oyiNgcwele phezu kwabo. UMoya oyiNgcwele ubomelezile, baza baba namandla okuxelela abantu ngemisebenzi kaYesu nokuza kwakhe ehlabathini ukusindisa abantu. Yaqala ngolo hlobo icawe yobuKrestu.
(Ingoma)

Umfanekiso 119

Umfanekiso 119

Abafundi bakaYesu bambonile enyukela ezulwini, esiya kuThixo. Ngoku uYesu usewongeni ehleli ngasekunene kukaThixo uBawo. Nanamhlanje uYesu usaphila ezulwini. UYesu uyeva xa athandazwa ngabo bakholwayo nguye. Ngaphezu koko uYesu uyasithethela kuThixo uBawo. Oko kufana nokuthi uyasithandazela kuThixo. Apha ehlabathini uMoya wakhe oyiNgcwele ukunye nathi ukusikhokela nokusifundisa, asincedise kubomi bethu bemihla ngemihla de sisweleke.

Ngaba kwenzeka ntoni kuthi xa sifayo? Ukuba abantu abakholwa nguYesu bemlandela bathe bafa, baya ezulwini apho uThixo ahlala khona. Ukuba abantu abangakholwayo nguYesu bathe bafa, baya esihogweni, apho bahlukeneyo ngonaphakade noThixo nokwakhe okulungileyo.

Esiphelweni, xa uYezu azayo ehlabathini kwakhona, amakholwa asele efile aya kuvuka ekufeni enemizimba egqibeleleyo, kwanjengoko uYesu wafayo waza wavuka. Othi ke kunye namakholwa asaphilayo ngelo xesha ahlale ngonaphakade kunye noThixo, axhamle ubukho bakhe obumangalisayo. Ke bona abangakholwayo baya kuhlala ngonaphakade bahlukene noThixo, angabikho kunye nabo.

Ngaba nawe akufuni na ukukholwa nguYesu? Ngaba akufuni ukugqiba ngelithi uyajika, uyaziyeka izinto zobugwenxa? Cela kuYesu ukuba akuxolele izono zakho. Cela uMoya wakhe oyiNgcwele ukuba akulawule. UMoya oyiNgcwele uya kukufundisa ukuze ulwazi lwakho ngoThixo lwande, uluqonde ngakumbi udaba lweBhayibhile. EBhayibhileni kubhalwe konke ekufuneka sikwazi ngoThixo. UMoya oyiNgcwele uya kukufundisa, kuba ufuna ukukunika ubomi obutsha, ubomi bovuyo noxolo kunye noThixo, ubomi obungenasiphelo.
(Ingoma)

Umfanekiso 120

Umfanekiso 120

Masikhumbule, ngamhla uthile uYesu uya kubuya eze kweli hlabathi. Ngelo xesha uya kubalawula ngoxolo bonke abakholwa nguye bemphulaphula. UYesu akanguye nje umshumayeli wakwaThixo. UYesu nguThixo ngenkqu, yaye usibonise ngendlela eqgibeleleyo ukuba uThixo ngubani. Yiloo nto uYesu akwabizwa ngokuba nguImanuweli (Matewu 1:23), kuba uze ehlabathini, waza kuhlala phakathi kwabantu. Igama elithi Emanuweli lithetha ukuthi “uThixo unathi.” UYesu wayekho ngonaphakade. Nanamhlanje usaphila, yaye uya kuhlala ephila ngonaphakade.

Ngokufa kwakhe ehlabathini uYesu uwoyisile amandla esono nokufa nako konke okukhohlakeleyo. Ukubuya kukaYesu, esiza ehlabathini, uya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo uSathana kwanako ukufa ngokunjalo.

Ke ngoko kholwa nguYesu Krestu, uyithobele imiyalelo yakhe, umthembe kubo bonke ubomi bakho.

Ukushwankathela

Ukushwankathela

Ngoku ukuvile konke ekufuneka ukwazi ngoYesu, uKrestu ophilayo. Mhlawumbi usenokubuza uthi: “Ke kuyintoni na konke oko kum?”

Kubalulekile ukuba kwaziwe ukuba uYesu ubakhathalele bonke abantu. Nawe ke uYesu ufuna ukuba ube kunye naye ngonaphakade.
Ufuna ukuba uThixo akuxolele izono zakho.
Ufuna ukuba umazi uThixo, uyiqonde injongo yakhe ngobomi bakho. Xa uthe wayiqonda soze uphinde waneliswe bubomi bakho obudala.
Siso eso isizathu sokuba uYesu eze kufela izono zethu.
Kodwa kufuneka ukholwe nguYesu, uthembe ukuba yena ukufunela okona kulungileyo ebomini bakho.

Kufuneka ucele kuye uze ke ukholwe ukuba uzixolele ngenene izono zethu. Unako ukuthetha noThixo. Ukuthetha noThixo sikubiza ngokuthi kukuthandaza. UThixo uya kukuphulaphula oko ukuthethayo naye. Mhlawumbi ubusenokuthandaza uthi (lo ngumzekelo nje ukunika isikhokelo): “Nkosi, ndingumoni. Ndikuswele ukuba uzixolele izono zam. Ndiyabulela ngokundifela kwam kwakho emnqamlezweni. Ndiyabulela ngokuvuka kwakho ekufeni, ukuze ndibe nako ukuphila kunye nawe ngonaphakade. Nceda uMoya oyiNgcwele umthobe naphezu kwam. Ndincede ukuba ndikululamele, ndikuphulaphule, kuba nguwe okwaziyo oko kundilungeleyo. Wena unguThixo okuphela kwakhe ngenene.”
(Ingoma)

Informazioni correlate

"The Living Christ" audio-visual - This comprehensive audio visual uses 120 pictures to give a more in depth view of the life and ministry of Jesus.

How to use GRN Audio visual resources - 1: Sharing the Gospel made easy - This article gives an introduction to some of the many different ways the GRN audio visual resources can be used in ministry.

How to use GRN Audio visual resources - 2: Going Deeper - This article gives further explanation of how people learn from the stories, and why the stories do not have a lot of commentary.

The GRN Audio Library - Evangelistic and basic Bible teaching material appropriate to the people's need and culture in a variety of styles and formats.

Copyright and Licensing - GRN shares it's audio, video and written scripts under Creative Commons

Creating DVDs using the GRN Slide show Videos - How to burn DVDs for specific people groups you are trying to reach

Choosing the right audio or video format - What audio and video file formats are available from GRN, and which one is best to use?